Akruqukile amaMpondo eMpuma Koloni

Afunga amunca intupha amaMpondo phantsi kombutho oyiMbumba yamaMpondo esithi azakuyibeka ngokusemthethweni iKumkani yawo uZanozuko Tyelovuyo Sigcau kwinyanga kaCanzibe.

Ukubekwa kwale Kumkani kulityaziswe sisibheno esathi safakwa lelinye lamacala endlu kaSigcau eliphikisana noZanozuko.

IiNkosi nabantu ngokubanzi abangamalungu alo mbutho weMbumba yamaMpondo abambe indibano eNdimakude eFlagstaff ngomhla weshumi kule nyanga, athatha isigqibo sokumisela iikomiti ezizakwenza amalungiselelo okubekwa kweKumkani yawo.

Usihlalo walo mbutho uMlungisi Ndziba uthi ayaqhuba amalungiselelo okubekwa kweKumkani yamaMpondo. “Asingeni ndawo thina kuyo yonke, ayo nto yenkundla norhulumente – yinto yakwaSigcau ayisifuni nganto, thina sibeka iKumkani yethu qha,” uthethe watsho uNdziba.

Uthi badiniwe kukuhlala kwisizwe esingenankokeli yaso njengezinye izizwe. “Sizakuxhoma izinto ekuthwa ziposters eMbizana, Ntabankulu, Lusikisiki, Flagstaff, Mount Ayliff, Libode, Ngqeleni naseMthatha – sixelele amaMpondo ngokubekwa kweKumkani yawo,” ucacise watsho uNdziba.

UKumkani uZanozuko Sigcau ngowendlu enkulu kaMqikela, kaSigcau, kaMarhelane kaMandlonke, kaZwelidumile kwaye ungqinelwe yikomishini kaNjingalwazi Thandabantu Nhlapo ukuba nguye onegunya lobuKumkani kumaMpondo onke.

“I-ofisi yeNkulumbuso iyangqina ukuba iyifumene incwadi yethu ngalo mcimbi, kodwa aside sifumane mkhondo kubo asazi siyaqhuba thina,” uthethe watsho uNdziba.

Uthi izimemo zizakuya kuzo zonke iiKumkani ezikhoyo kweli loMzantsi Afrika. “Sizakubhalela zonke iiKumkani eziquka iKumkani yamaXhosa, amaZulu, abeSotho, amaPedi nezinye iiKumkani,” utshilo. Ukanti iofisi yomphathiswa wesebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni ngomlomo kaMamkeli Ngam ithethe yathi.

“Yi-ofisi kamongameli enokwenza ilizwi elicacileyo ngalo mcimbi, thina akukho nto ingako esinokuyithetha, usezinkundleni lo mcimbi,” uthethe watsho uNgam.

UbuKumkani bamaMpondo eQawukeni kwelabo icala ngomlomo kaNkosi Ayanda Faku, bathi alikho mthethweni eli nyathelo.

“Kukudelela inkundla ukuqhubela phambili nale mbono yaba bantu, asinayo into egqitywa yinto ekuthwa yiMbumba yamaMpondo apha, izinto zalapha zigqitywa likomkhulu,” uthethe watsho uFaku.

Uthi abaqali kuziva iindaba zokuba kuza kubekwa iKumkani yamaMpondo eNdimakude. “Inokuba sisihlandlo seshumi elinanye bethetha le nto aba bantu bengade bayenze, kaloku lo mcimbi usenkundleni yamatyala,” ucacise watsho. Uhambisa athi uZanozuko akazange anyulwe sisizwe samaMpondo.