‘Akukho mnyhadala waNyibidyala, makulalwe ngentsimbi yesithoba ebusuku’

UMPHATHISWA wamaPolisa uBheki Cele uthi amapolisa aza kuba ngqingqwa ngakwabo bophula imithetho emisiweyo yokuvalwa kweentshukumo elizweni.

Ethetha KwaZulu Natal ngoLwesithathu, uCele ubongoze uluntu ukuba luyithobele le miqathango ebhengezwe nguMongameli Cyril Ramaphosa kule veki.

Phakathi kweminye yale miqathango, uRamaphosa ubhengeze ukuba utywala bumisiwe ekuthengisweni, kwaye abantu abavumelekanga ukubonakala esitalatweni ngentsimbi yesithoba ebusuku ukuya kweyesithandathu ekuseni.

Kukwabhengezwe ukuba iindibano azivumelekanga, into ethetha ukuba akukho bani ovumelekileyo ukumema izihlobo endlini yakhe. Iindibano ezivumelekileyo kusesifihlweni, kwindawo yokuzilolonga, kwishishini lokutyela (restaurant), imiyezo, kwiziko lembali (museum) nakwindawo yokungcakaza.

UCele uthe: “Ayizange yabakho kwimbali eyokuba kungabhiyozwa ngomhla phambi kweNyibidyala. Kulo unyaka, asizokuba nayo iDecember 31.”

“Ngentsimbi yesithoba ebusuku, wonke ubani kufuneka abekanti ulele. Wonke ubani kufuneka abekanti usebhedini.

“Akukho mntu oza kuya elwandle, akukho mntu oza kuya edamini, akukho mntu oza kuya emlanjeni kwaye akukho mntu oza kuya epulini,” utshilo uCele.