Amadoda amathathu abanjelwe imipu engekho mthethweni eKhayelitsha

EKAPA: KUBHAQWE iimbumbulu ezingama-56 ezingekho mthethweni nompu, kwabanjwa amadoda amathathu aneminyaka engama-20, 21 nengama-25 eKhayelitsha ngelixa amapolisa esikhululo saseLingelethu West ebegqogqa imipu engekho semthethweni kumatyotyombe aseTsepetsepe ngempela veki.

“Amalungu eKhayelitsha Cluster azenyusile iikawusi kwiphulo lokuphelisa imipu engekho mthethweni kule ngingqi,” sitshilo isithethi samapolisa uNoloyiso Rwexana.

Uthe amapolisa aseLingelethu enze olu gqogqo emva kokuba efumene umkhondo wokuba kukho imipu engekho mthethweni eTsepetsepe.

“Malunga nentsimbi yesibhozo ngokuhlwa, amapolisa agqogqe apho ebekhonjiswe khona aze afumana iimbumbulu ezingama-42 kwabanjwa indoda eneminyaka engama-20,” utshilo.

URwexana uthe amapolisa athe esagqogqa njalo, aphinda athelwa thsuphe ukuba kukho umpu ongekho mthethweni ogcinwa evenkileni kwalapho.

“Amapolisa alandela umkhondo baya kugqogqa. Kwafunyanwa iNorinco pistol enenombolo ecinyiweyo neembumbulu eziyi-14. Kwabanjwa amadoda amabini aneminyaka engama-21 na-25,” utshilo.

Uthe onke la madoda aza kuvela enkundleni kungekudala.

Umhlali waseTsepetsepe uNowongile Vondoyi oneminyaka engama-75 uthe immangalisile into yokuba kanti kufihlwa umpu kule venkile bathenga kuyo.

“Ndithe nqa soloko kwema abantu abangaqondakaliyo nje kula venkile. Kudala bakhala ngokukhuthuzwa abantwana bethu phaya. Into embi ke ngoku yeyokuba zikude ezinye iivenkile ingakumbi kuthi thina bantu badala. Kodwa kungcono singabinayo kunokuba sidutyulwe,” utshilo.

Ilungu leNeighbourhood Watch uLuvo Bambiso, uthe umsebenzi wabo uqalisa ukubalula ngoku nanjengoko abahlali bewathemba amapolisa.

“Siza kupatrola singenaxhala ngoku ngoba sigrogriswa ngale mipu kanye zizikoli kuba besazi ukuba asiyiphathi thina. Nabantu esibagadayo bazakutsho bakhuseleke ngoku,” utshilo.