Amadoda aseMonti athi kwanele ngoxhatshazo lwamanina

Amadoda aye angenelela kwiphulo lokulwa nokuxhatshazwa nokuphatha gadalala kwamanina kwimashi ebisuka eNorth end ukuya kwiHolo yedolophu eMonti ngolwesihlanuUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Ilizwe loMzantsi Afrika linxunguphele zizenzo ezirhabaxa zokuxhatshazwa kwamakhosikazi nabantwana ngezenzo zokudlwengulwa, benkulwa kwaye babulawe ngokungenalusini ngamadoda nangona nje ikakhulu ingalawo athembakeleyo kubo.

ULuhle Bottman nongomnye wabaququzelele umngcelele wamadoda aseMonti obusiya eCity Hall edolophini eMonti, nosele kuba ngomnye wamadoda axhaphaze amakhosikazi ngokokutsho kwakhe, uthi iye le nto yokuxhaphaza umntu ongusisi oncuma naye iqale kancinci ngokuthi uqale ngokumtyhiliza iye inwenwa ngokuthi umqhwabe.

Oku ukudize ngethuba benikezela ngoxwebhu oluqulethe izicelo zokuba mawathathelwe ingqalelo amatyala ajongene nokuxhatshazwa kwamanina nabantwana. “Ofunyenwe edlwengulwe makanganikwa bheyile kwaye isigwebo sibe qatha.”

Olu xwebhu lwamkelwe nguXolani Booi obemele uSodolophu woMasipala uXola Pakathi, igosa leGunyabantu lezoTshutshiso kwakunye namaPolisa.

UBottman uthi ngolu suku luhlobo naye aziphilisa ngalo emva kwezenzo ezibi zokuxhaphaza.

“Isifundo ndasifunda andinakuze ndiphinde ndixhaphaze umntu ongumama. Andizidli ngento endayenzayo yokubeka isandla, yayingalunganga. Ndiqale eli phulo kuba ndiyayazi into yokuxhaphaza amanina. Ngezi nzame kukufuna ukubonisa amanye amadoda ukuba ungatshintsha ube yindoda engcono kwaye ekhusela amanina,” utshilo uBottman.

USiya Rulu nongomye wabaququzele eli phulo uthi abazukuphelela ngolu suku, baza kuqhubekeka behambela izikolo bethetha nabantwana abangamakhwenkwe, bebafundisa ngohlobo lokuphatha kwaye nokukhusela umntu obhinqileyo. Uthi baza kulilandelela eli phulo alizukuphelela ngolu suku kuphela.

UBrigadier Manyisane ulincomile eli phulo esithi ukukhuselwa koomama nabantwana yinto efanele ukwenzeka yonke imihla.

Uthi bona bengamapolisa bajongana nazo yonke imihla iziganeko ezimasikizi zokubulawa kwamanina. Uthe balwamkela ngezandla ezishushu olu xwebhu.