Amagqirha achithe iintsuku ezivuselela emqolombeni

Amagqirha aseMpuma Koloni ebetyelele kwiziko iMotouleng eFreyistata ngeenjongo zoyo kuzivuselela ngokwasemoyeni, phakathi kwawo kukho nomlawuli wabo uLulama Mpahla - uMphilisiUMFANEKISO: UTHUNYELWE

Amagqirha aseMpuma Koloni achithe iintsuku kwimiqolomba yaseMotouleng eFreyistata, ngeliyokunxulumana nezinyanya kuquka nokuzivuselela ngokwasemoyeni nasemphefumlweni.

Umlawuli we-Ithongo Institute of Traditional Healing ephondweni uLulama Mpahla, nowaziwa ngelikaMphilisi, uthi yinto ebalulekileyo xa uligqirha ubenexesha lokumana uyokungqubeka kula mqolomba ngelokuzivuselela kwanokuziveza kwabalele ukuthula.

“Sibuya sivuselelekile kwaye siphilile ngohambo lwethu. Kweli ziko lembali yaseMotouleng sikholelwa ukuba xa ungumntu oligqirha kufanele ukuba utyelele kube kanye kube kabini kweli ziko ngeenzame zokunxulumana nabakowenu,” utshilo uMpahla.

IMotouleng liziko apho kuqeqeshwa khona abantu abangamagqirha, lowo ungumkhwetha (igqirha elifundiswayo) uyakwazi nokuhlala ixesha elide kuba nanjengoko bekho nabantu abahlala kula miqolomba.

UMpahla uthi kumaxesha amaninzi abantu abayayo bayokuhlala kuzokube ingabo bathunywe zizinyanya zabo.

Amagqirha ebeye kulo mqolomba ebesibhozo. Amathandathu ebephuma kweli phondo, omnye kwelaseNtshona Koloni aze omnye ibe ngowaseFreyistata.

Ukanti kusenjalo, bona bengamagqirha eli phondo bayakhala bathi abakhathalelwanga ngurhulumente kuba abade banikwe elelabo iziko elifana neMotouleng, nangona nje zikhona iindawo ababe zikhombile ezinokuthi zibe liziko lokuvuselela amagqirha kweli phondo.

“Asifumani nkxaso kurhulumente wethu, logama ziliqela iindawo esasizikhombile ezingcwele esinokuzivuselela kuzo. Sasiyifakile imbalelwano yesicelo kwisebe lezobugcisa nenkcubeko kwakunye nemidlalo apha ephondweni, kodwa zange sive mpendulo. Kodwa ndinalo ithemba lokuba ngenye imini lakusihoya,” kutsho uMpahla.

UMpahla uthi amagqirha awajongenanga nokunyanga uluntu kwanokwazi amayeza kuphela, bayazichaphazela nezopolitiko.

Uthi njengokuba izinto sele zingahambi kakuhle apha elizweni kukuba abantu balahla izithethe kwakunye namasiko. Ukanti othethela isebe lezobuGcisa, iNkcubeko nezeMidlalo, uAndile Nduna, uthembisile ukuba isebe lakuthi likuqwalasele oku kukhankanywe nguMpahla xa lithe lafumana le mbalelwayo yesicelo esivela kumagqirha ephondo, njengoko esithi zange bayifumane imbalelwano. UMpahla ebengekayithumeli okwangoku ileta.

abongile.ginya@inl.co.za