Amagugu Namafa Obuxoki

Lifikile kwakho ela xesha lonyaka apho abantu bakuthi bazikhumbuza ngemvelaphi yabo; banxiba imibhaco, bathetha ngokubaluleka kweelwimi zesiNtu, babuzana imibuzo efana noo ‘Nisayenza imbeleko?’, ‘Intonjane yona?’ ‘Yintoni ukutya okukwisisele?’, Yintoni inyama etyiwa ngabatshana?’, neminye ke imibuzo emininzi.

Kumnandi, siziva singabantu, kwaye siyakhumbuzana ukuba sisuka phi. Kusakugqitha umhla we-24 kule yoMsintsi kuzakuthi cwaka. Sibuyele ebuNgesini bethu; sikhwini-khwinize, sisithethe nangeempumlo njengesiqhelo.

Sithi abo.

Kaloku thina bantu bantsundu siyafana nje namakholwa ahomba, azenze ngcwele qha ngeCawe; ngoMvulo ukuyokutsho kuMgqibelo senza unothanda.

Sibeka usuku olunye jwi lokuqaphela amagugu namafa ethu; asibhali ngokwaneleyo ngeelwimi zethu, asinxibi mpahla zesiNtu ngokwaneleyo, umtshato wesiNtu ayingomtshato ugqibeleleyo, olandela inkolo yesiNtu (oqaphela amasiko nezithethe) ngumhedeni, njalo-njalo.

Singoobani kanye kanye? Kule veki iphelileyo sothuswe sisikhalo somntwana wesikolo saseDale, eQonce, esithi uyazonyanya yena ngoba akayiyo tu le ayiyo. Le nkwenkwe ikuthethe oku ngosuku lokukhumbula uBiko eGinsberg; “ndijongeni, ndikhumsha njengabelungu, ndazi imbali yaseNtshona ngaphezu kwale yakweli, ngelo xesha andikwazi nokuzithutha! Ndingubani!?’

Emva kwexesha ebuzile umntwana, kuphakame umzali wathi ‘thina senza oko sasicing’ba kulungile ngokunisa kwizikolo zabelungu, nikwazi ukukhumsha, ukuze nikwazi ukufumana imisebenzi.’

Ayonto intsha le; kudala sava oo ‘isiXhosa asizomenzela nto umntwana wam!’ Impendulo ezinje zibonakalisa ukungaziboneli ntweni. Ukuba besizixabisile besinokuzidalela amathuba ngeelwimi nenkcubeko yethu. Kodwa ke singabo bangaziboniyo.

Sifane sibe nomvandedwa, sibhuqwe zizazela xa kusithi gqi eyoMsintsi qho ngonyaka. Kanti izakuhamba ihambe ibuye ngathi le nto; isizukulwana esiza emva kwethu, abantwana aba sibase kwizikolo zabelungu, sebezibuza imibuzo ngobubunyamtya nobuhiba bethu, ngala magugu namafa ethu obuxoki.