Amajoni enkululeko awaxatyiswanga!

Phaya kwesa sithuba somnyaka ka1990 ukuya kumnyaka wokuzuzwa kwenkululeko yabemi boMzantsi Afrika kumakhamandela engcinezelo, kwanokuzaleka kwedemokhrasi egunyazisa umakulinganwe ngabo bonke abemi beli lizwe, kwaye kwaqapheleka ukubuyela ekhaya kwamajoni enkululeko, esuka kumazwe ngamazwe awayeqeqeshelwa kuwo ubujoni.

Amanye kuloo majoni ayesuka kumazwe ezwekazi leAfrika afana neZimbabwe kaMugabe, iLesotho kaLeabua, iMozambique kaMachel, iAngola kaDos Santos, iNigeria kaShagari, iBurkina Faso kaSankara, iGhana kaNkrumah, iNamibia kaToivo noNujoma, neTanzania kaKambarage Nyerere, kuquka namazwe aphesheya kweelwandle afana neRashiya kaLenin kunye neCuba kaFidel Castro.

Ukubuyela kwaloo majoni enkululeko kwakuhamba novuyo nemincili, nanjengoko ukubuyela kwawo ekhaya kwaba ngumqondiso wokhuseleko nethemba kwinginginya eyayizabalazela inkululeko ngaphakathi ekhaya.

Uninzi lwala majoni ayephuma kwimikhosi eyayiqeqesha amajoni enkululeko efana neAZANLA (Azanian National Liberation Army) iAPLA (Azanian People`s Liberation Army) kunye neMK, uMkhonto weSizwe oliphiko lomkhosi weANC.

Zathi zakuthi gqi iinqanawa kumazibuko eloMzantsi Afrika, zachopha neenqwelomoya kwizikhululo zazo kweli lizwe, zonke zibuyisa amajoni akowethu ukuze abe yinxalenye yorhulumente wesininzi, kwakuvakala intswahla mbombo zone zoMzantsi Afrika, evuma ngamxhelomnye amajoni akuthi nolutsha ngokubanzi kwigwijo leMK lisithi: “Tambo, ngawo loo nyaka womanyano, sikhulule Tambo, ngebazooka nemortar neAKA, sikhulule Tambo.”

Onke amajoni enkululeko ayefika enomfaneleko, enesidima, enokuhlonipheka nokuxabiseka, satsho nathi bangenabathetheleli saqala ukulala singayivalanga neminyango, kugquba uxolo nobunye bodwa kwizwe lakowethu.

Mhla abuya la majoni enkululeko, uninzi lwethu lwalucinga kwaye luqinisekile ukuba onke ngobuninzi awo, aya kubandakanywa kumkhosi wezokhuseleko wesizwe (iSANDF) ngaphandle kwamathandabuzo. Sasiqinisekiswa kukuba uninzi lwabo bancama isikolo nemfundo, uninzi lwabo bashiya amakhaya neentsapho zabo, besiya kuzibandakanya nemikhosi eqeqesha amajoni enkululeko, ukuze mhla urhulumente wengcinezelo esala ukunikezela ngeentambo kwimibutho yedabi lenkululeko, loo mikhosi ingenelele kuqutyiswane ngezigalo ngokufanayo namanye amazwe amaninzi kwizwekazi leAfrika.

Ngethamsanqa ke iingcali nezilumko zopolitiko kweli, zakunqanda oko ngothethathethwano nemvisiswano. Ngenene ilizwe laphela lilawulwa ngobumbano, nangona uninzi lwethu lothuswa kukufumanisa ukuba uninzi lwamajoni enkululeko, awalifumananga ithuba lokubandakanywa kumkhosi wezokhuseleko wesizwe.

Okona kwabothusayo abemi beli lizwe, kuquka namanye kumajoni enkululeko, kukufumanisa ukuba nangona amaninzi kuwo engakhange abandakanywe kulo mkhosi wesizwe, kwabakho namanye amajoni awayekhusela urhulumente wengcinezelo agciniweyo ukuze aqhubekeke esebenzela kwalo mkhosi wesizwe kwixesha ledemokhrasi.

Ndinomnqweno wokwazi ukuba inokuba unjani na umoya wentsebenziswano phakathi kwaloo majoni enkululeko nalawo engcinezelo kulo mkhosi wesizwe.

Oyaziyo imeko ndiqinisekile ukuba uya kundityhila amehlo andifundise nanjengoko ndingaqondi. Kulo Mgqibelo sisuka kuwo, intliziyo yam iye yadandatheka xa bendincokola nabakhuluwa bam ababengamajoni enkululeko nababewele imida besiya kuzibandakanya nemikhosi yedabi lenkululeko.

La maqhawe ashiya amakhaya nemfundo, ezijula ijacu ukuze kukhululeke bonke abemi boMzantsi Afrika kumatyathanga engcinezelo, kodwa xa kunamhla bazibona belala ngamanzi, bexhwalekile, behlwempuzekile kwaye behlekwa naziintaka ngenxa yokusokola kwabo.

Bambi kubo bathethe kum besithi, “Xman mninawa, nazinceda nanyamezela isikolo, thina bantu babeleqa ukulwela inkululeko silala singatyanga neentsana zethu.”

Ndithetha ngamaqhawe ayengamajoni enkululeko esasiwathatha njengamakroti nemizekelo emihle kuthi kweli lengingqi yomda sikhulele kulo.

Abo ke ngamaqhawe asendlaleni nangafumani kwankxaso kwabasemagunyeni, amaqhawe afana noCde Andile Khwiva Maneli; uMalibongwe Mnyakama; uZamile Ndinisa; uMziyanda Mtsewu; uThobile Thomas; uMzwandile Mbengu; uGibson Komna; uKholeka Waphi; uBra Zet Maki; uThuthula Mtshini; uSabatha Mpe nabanye abaninzi ababephuma kummandla waseCumakala naseZeleni.

Xa kunamhla abanye kula maqhawe bayimiqodi ezindleleni becela oku kwemisebenzi enokubenza balale betyile. Bambi kubo bakhala bade bavakalise nento entle eyakhe yenziwa kumajoni emikhosi yamanye amazwe neyayisenziwa nangurhulumente wengcinezelo.

Batsho besithi loo majoni amanye amazwe nalawo angaphambili ayesilwa kwiiMfazwe zeHlabathi zoo1945, ayexhaswa ngemali yokuphila nyanga nanyanga yimibuso eyayiphethe. Kutheni oku kungenakwenziwa ngulo wethu urhulumente.

Kaloku amajoni angananzwanga nangasiwa so, angaqumba aqalekise, kwaye ngokunokwam ukubona, ingqumbo yawo ingadala imo yonxunguphalo esingenakuyithakazelela sililizwe!

Khawuncede ke mongameli uRamaphosa, wena nesigqeba sakho solawulo, khanenze konke okusemandleni nikhusele izidima zamajoni enkululeko kungekonakali.