Amakrwala mawayeke iimpahla zamaNgesi

LAduma Ngxokolo

NguMGQIBELO, umoya uvungu-vunguza njengesiqhelo eBhayi kwindawo yolonwabo eyaziwa njengeRoof Garden Bar, apho uLaduma Ngxokolo abambe khona intlangano yocweyo lwabenzi befashoni abasakhasayo abangaphaya kwamashumi amahlanu ubuninzi.

UNgxokolo uvule ngelithi waqala inkampani yakhe yefashoni, iMaXhosa by Laduma, ngeenjongo zokutshintsha indlela amakrwala esiXhosa anxiba ngayo.

“Ndaqaphela ukuba ezi mpahla zinxitywa ngamakrwala zezase maNgesini; kooSkotlani, njalo-njalo. Kwaye ndandikhangela into yesiXhosa endinokuyinxiba mna xa ndilikrwala. Ndaqala ke ukwenza ezi jezi zam ndizithengisayo namhlanje,” uqhube watsho.

OkaNgxokolo (30) wakhulela kwaDwesi eBhayi, ekhuliswa ngumama wakhe owabhubha eseyidyongwana. Wabhubha emshiye nelifa lokuthunga nokunitha, awathi waqhubeka nalo nasesikolweni, ethengisa iijezi koogxa bakhe.

Namhlanje, le ndedeba inevenkile yayo eRhawutini ethengisa iindidi ngeendidi zempahla yayo, ekwathengisa kakhulu naphesheya kolwandle kumnatha wonxibelelwano. Omnye umlandeli wakhe owaziwayo nguBeyonce Knowles, nowathi waveza udidi lweempahla zikaNgxokolo ezingu-Unyana Womgquba kumnatha wonxibelelwano. Ethetha ngexabiso leempahla zakhe wongeze wathi “Ewe, ziyaxabisa ngoba zikudidi oluphezulu kwaye ndijonge abantu abathile ukuba bazithenge. Ndikwanazo neekawusi eziqala kooR200, iijezi ziqale pha kooR2800. Ndinethemba lokuba ixabiso lingehla, mhlawumbi zithengise ngooma R950 kudederhu lweevenkile ngokusiya sikhula.”

Ezi ncoko zikaLaduma zizakuqhutywa nakwezinye iidolophu ezifana neKapa, Rhawuti, Thekwini naseMonti kungekudala. Kuzo ubalise ngamava akhe okuqala ishishini koka-2011, laze lazokuyibona koka-2016 impumelelo. Ubalise banzi ngohambo oluya kulo mpumelelo kunye neendlela zokusebenzisana nezinye iinkampani xa uzama ukukhulisa elakho ishishini loyilo. Bekukwakho nezithethi ezisuka kwinkampani yoboya kunye nerhafu, becebisa abo bebezimase olu suku lokuncokola ngezoshishino noLaduma.