Amanani olwaphulo-mthetho eMpuma Koloni

Amapolisa ephondo esiza neziphumo zolwaphulo mthetho ephondweni.

Noxa nje iinkcukacha zolwaphulo-mthetho lwabantu abaqhusheka iimpahla [shop-lifting] evenkileni zibonakala zehlile eMpuma Koloni, kodwa imimandla yaseBhayi yeyona inkqenkqeza phambili kolu hlobo lolwaphulo-mthetho.

Abantu abaqhusheka iimpahla evenkileni ngeenjongo zokuba, bangahlawuli babizwa njengoonominca, ngenxa yokuba bayakwazi nokuyifaka apha ngaphantsi impahla leyo bayibileyo.

Ngokweenkcukacha zolwaphulo-mthetho zaseMpuma Koloni kunyaka-mali ka2016/17, umbandela wokubiwa kweempahla okanye izixhobo uthande ukuxaka eBhayi.

Ngokwezi nkcukacha, ngamatyala angamakhulu amahlanu anamashumi amabini anesihlanu (525) athe abikwa kwisikhululo saseMount Road eBhayi kunyaka-mali ka2016/17. Kwakweli xesha linye, amalunga namakhulu amabini anamashumi asixhenxe anesithoba (279) amatyala okubiwa kweempahla evenkileni athe abikwa kwisikhululo sase-Algoa Park eBhayi. Eli nani linye (279) liphinda livele eGelvandale kwaseBhayi, logama eWalmer bekwikhulu elinamashumi amahlanu (150).

Amatyala okubiwa kweempahla evenkileni kwezinye iidolophu kunyaka-mali ka2016/17 ame ngolu hlobo: EMonti (306); Madeira eMthatha (268); Qonce (254); Cambridge (231) kwakunye neTinarha (212).

Kusenjalo, isikhululo saseSulenkama kuQumbu, yeyona ndawo iqatseleyo kubusela bemfuyo ngamatyala angamakhulu amabini anamashumi amathathu ananye (231) ze iBityi eMthatha ibenamatyala angamakhulu amabini aneshumi elinesine (214), kulandele iMaluti kuquka neCumakala.

Kumatyala okutshisa imizi, impahla, isikhululo saseNtabankulu sithe sankqenkqeza phambili ngama-36, iBethelsdorp ngamashumi amabini anesixhenxe (27) kulandele ummandla waseNgqeleni (22), iMbizana (20) iNgcobo kwakunye noGatyana.

Umphathiswa wezokhuseleko kwakunye nothutho ephondweni uWeziwe Tikana, ukuncomile ukwehla kwezinga lolwaphulo mthetho ephondweni kwiinkcukacha ezisukela ngomhla wokuqala kwekaTshazimpuzi 2016 ukuzokuthi ga ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyoKwindla 2017, esithi kodwa oko akuthethi ukuba amapolisa mawaphole, ithetha ukuba mawaqinise nangakumbi. Esithi uluntu malusebenzisane namapolisa kwenzele uluntu luhlale lukhuselekile.

Umkomishinala wamapolisa kweli phondo uLieutenant Liziwe Ntshinga uthe: “Ukuba singasebenzisana sonke singathi senze ngcono kwiphondo lethu. Ukhuseleko loluntu ingakumbi oomama kwakunye nabantwana yeyona nto sizimisele ukuyiqwalasela.”

Ukwadize ukuba mhle umsebenzi owenziweyo kuba lilonke iphondo sele ligwebe i-64 yezaphuli-mthetho ubom entolongweni phakathi ko2016-2017.