Amapolisa acela ukukhangeliswa amadoda amabini adukileyo

Kuduke indoda enamashumi amathandathu ananye ubudala egama linguTayishile Dabi kwakunye nomfana onamashumi amabini anesixhenxe uSinawo Lamati baseBluewater kude kufuphi naseMonti.


Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Nkosikho Mzuku, uDabi wagqityelwa ukubonwa kwilali yakuJongilanga eKwelerha ngomhla weshumi kwinyanga ephelileyo, ngethuba esuka emzini womhlobo wakhe esingise kwakhe eBluewater.


UMzuku uthi emva kosuku engafikanga ekhayeni usapho laye layokuvula ityala lomntu olahlekileyo kwisikhululo samapolisa aseBluewater.

Amapolisa aqalisa ukukhangela encediswa luluntu kodwa abuya nelize ngakwindawo ezo amaxhoba ayegqityelwe khona ukubonwa.


ULamati wayekule lali iJongihlanga eye kumzi owawunomgidi ehamba nabahlobo bakhe ngomhla weshumi kwinyanga yoMsintsi ngonyaka ka2016. ULamati naye akakabonakali nanamhlanje. Amapolisa abongoza uluntu olunokubanolwazi ancedisane nawo ekubeni kubhaqeke amaxhoba. Angatsalela kwisikhululo samapolisa esikufuphi nabo okanye eze ngaphambili esikhululweni