‘Amapolisa ayasela nawo!’ – bayakhala abahlali baseNcorha

Umkomishinala wamaPolisa ephondweni uNjengele Liziwe Ntshinga Umfanekiso: Anele Raziya

Abahlali baseNcorha, ngakuCofimvaba, bathi amapolisa azakusebenza kwindawo yabo akufunekanga ahlale kwiindawo zeentselo; asele kodwa athi alwa ulwaphulo-mthetho.

Bakuthethe oku ngexesha umkomishinala wamaPolisa eMpuma Kapa, uNjengele Liziwe Ntshinga, enikezela ngesikhululo samapolisa esihambayo kunye nezithuthi ezimbini eNcorha izolo.

Indawo yaseNcorha yazicelela isikhululo samapolisa esihambayo kobesakuba nguMphathiswa wamaPolisa, uNkosinathi Nhleko, ngenxa yolwaphulo-mthetho olundlangileyo kwindawo yabo. UNjengele Ntshinga ebefezekisa oko.

Abahlali balumkise amapolisa azakusebenza kwindawo yabo ukuba angayiphindi into ayenzayo ngaphambile.

Umhlali waseNcorha Flats, uNowakha Damane, uthe amapolisa kufuneka ayeke into yokuthi xa ehletyelwe ukuba ayokuvala indawo yentselo evula kuse, asuke afike asele utywala kuyo wona ndaweni yokuyivala.

“Amapolisa siyawaxelela ngeendawo zeentselo ezivula kuse, afike wona asele utywala kuzo, kodwa athi alwa ulwaphulo-mthetho” utshilo uDamane.

Izinganeko zolwaphulo-mthetho ezixhaphakileyo kule lali; zezokukhuthuzwa kwabantu abadala imali yabo yenkam-nkam – xa berholile bayavigcelwa, ukuhlabana kolutsha kwiindawo zeentselo ezivula kuse, ukubiwa kwemfuyo kunye nokubulalana.

UXoliswa Mbambu ongumhlali naye uthi banethemba njengokuba kufike isikhululo samapolisa esihambayo ukuba zizakuphela izinganeko zolwaphulo-mthetho kwindawo yabo, kwaye bazimisele ukusebenzisana namapolisa.

UMkomishinala, uNjengele Ntshinga, umemelele kubahlali ukuba bawaphathe kakuhle amapolisa azokupolisa kwindawo yabo kwaye basebenzisane nawo ngento yonke.

“Ngezi nzame zesikhululo sifuna kuphele ulwaphulo mthetho apha, kwaye iindawo zeentselo zivalwe ngexesha elifanelekileyo!” utshilo uNjengele Ntshinga exelela abahlali.

Abahlali baseNcorha bebekade behamba iikhilomitha ezingaphezulu kwamashumi amathathu xa beyokumangala kwisikhululo samapolisa esisedolophini.

Ngaphambile sasikhona isikhululo samapolisa kule lali kwaye indawo zeentselo zazivala ngexesha elifanelekileyo ngoko.