Amapolisa: Sithembele kuni bahlali basezilalini

UMkomishinala wamaPolisa ephondweni uNjengele Liziwe Ntshinga uncoma intsebenziswano ebahlalini ingakumbi ezilalini esithi kunzima ukuba amapolisa afikelele kuzo zonke iilali ukujonga ucwangco.

Kodwa uthi ngenxa yentsebenziswano yabahlali ubomi bulula kuba ulwazi luza nabo, atsho amapolisa alandelele.

UMkomishinala ukudize oku ngoMvulo eQonce ngethuba ekunye neNkulubaphathiswa yephondo, betyelela amaxhego namaxhegwazana ebeyokurhola indodla yawo kanye ngeli xesha leentsuku ezingamashumi amabini ananye ezibekelwe ukuba uluntu luzigcine ezindlini lungabe luyabula.

UNtshinga uthi kubalulekile ukuba uluntu luthobele umyalelo obekwe nguMongameli uCyril Ramaphosa owokuba makungabikho zintshukumo kwilizwe ukunqanda ukunwenwa kwentsholongwane yeKhorona. Uthi abantu bazimisele

ukumamela, bakhona nabo bazimisele ukubhoxa. Uthi sele imininzi imicimbi abayichithileyo ezilalini kwaye kwabanjwa nabanikazi beendawo ezithengisa utywala abangakhange bavale.

Uthi ikwamininzi nemingcwabo abayileyo kuyo bengamapolisa bephungula inani.

“Ezilalini asinakufikelela kuzo zonke kuba zikude kodwa siyaya kwilali esifowunelweyo ngumhlali atsho ukuba kule yakhe awuthotyelwanga umthetho.

“Sibulela loo ntsebenziswano ke kwaye sithembele kubahlali ekubeni bangoyiki ukuchaza into engalunganga elalini sakufika,” utshilo uNtshinga.