Amaqhawe namaqhawekazi athe asishiya

Ukubhubha kweemvumi uMduduzi “Mandoza” Tshabalala noS’fiso Ncwane, kushiye abathandi bomculo bebambe ongezantsi. Oku kungenxa yegalelo nefuthe lezimvumi kwilizwe loMzantsi Afrika.

Umdyarhi weemoto ezibaleka kakhulu uGugu Zulu, wothusa abaninzi emva kokubhubha ekwiqela eliqabela intaba iMount Kilimanjaro eTanzania. UZulu wayekunye nenkosikazi yakhe uLetshego kwakunye neqela iTrek4Mandela ngethuba efikelwa kukufa.

Ukanti kwiiyure nje ezingephi phambi kokubhubha kukaZulu, izifundiswa nabezopolitiko babentywizisa emva kweendaba zokubhubha kukaNjingalwazi Nogqaza Priscilla Phyllis Ntantala-Jordan, ingqondi, isifundiswa kwanombhali, waseTyekelebende eDutywa.

UNtantala-Jordan, inkosikazi kaNjingalwazi Archibald Campbell (AC) Jordan, wabhubhela eMelika futhi wangcwatyelwa kwalapho ecaleni komyeni wakhe. UNtantala-Jordan ngunina wegqala leANC uPallo Jordan.

Obesakuba ngumhlohli kwiYunivesithi iWalter Sisulu naseButterworth Training College uCharity Nongqalelo Kondile, waseGcuwa, uthe wabhubha naye kulo nyaka. UCharity ngunina kaSizwe Kondile, ijoni loMkhonto Wesizwe elabhubhela eKomatipoort ngo-1981 emva kokudutyulwa ze watshiswa ngabacinezeli boMzantsi Afrika.

Obesakuba yiNkulumbuso yaseMpuma Koloni uMakhenkesi Stofile kwanomdlali kamabonakude uNyembezi Kunene nabo bathe babhubha kunyaka ka-2016.

Isizwe sabaThembu sishiywe nguNkosi Lindikhaya Daludumo Mtirara obhubhel’ ePitoli emva kwengxelo zokuba waye wazibulala. Kwikomkhulu lamaXhosa, lo nyaka uhambe noNkosi Mthetho Ngubesizwe Sigcawu emva kwengozi emasikizi kufuphi naseDutywa. Kusenjalo, uNkosazana Bukelwa Sigcawu oyintombi yokuqala kwindlu yasekunene yongasekhoyo uKumkani Xolilizwe Sigcawu, naye uthe wabhubha kulo nyaka.