AmaRasta akhuthaza ibuyambo eMthatha

AmaRasta aqhuba ushishino kwisitalato iMadeira eMthatha akhuthaza ibuyambo kubantu bale ngingqi nokuzimela bangaxhomekeki kwabanye. La marasta mathathu sele eqabele ngaphaya kweminyaka emibini ethengisa ezitalatweni zale dolophu.

UJah Akhona Tswali (26) uthi, bathatha isigqibo sokufundisa abantu ngebuyambo ngokwenza izinto zezandla eziveliswa eMzantsi Afrika neendlela yokuziphatha. “Siqaphele ukuba thina bantu bamnyama siyalahleka sileqa izinto zaseNtshona. Yiyo lo nto sathatha isigqibo sokwenza iimveliso ezikhuthaza ibuyambo. Iinjongo zethu ayikokwenza ngeniso kuphela kodwa kukukhuthaza ukonyuswa kweemveliso zasekhaya. Sisebenzisana nogxa bethu kwiindawo ezifana neKapa, Rhawuti nabamazwe angaphandle aquka Itopiya, Zimbabwe namanye,” utsho uJah Akhona.

Ukushishina kwidolophu yaseMthatha kujongene nemiceli-mngeni eliqela equka ukuleqwa ngamapolisa kamasipala, kodwa la maRasta athi akade abengamaxhoba umhla nezolo. Elinye iRasta uKing Charles Edwards uthi, banomnqweno wokukhula kushishino lwezinto eziveliswa ekhaya bangaxhomekeki kwizinto zasentshona.

Ukwathi bakhuthaza inkululeko ngokwasengqondweni, ngokwelizwe nezinye ukuze kufezekiswe imibala emithathu, obomvu omele igazi, otyheli omele izimbiwa nobutyebi kunye noluhlaza omele umhlaba nohlaza. La maRasta anomnqweno wokufumana indawo enkulu yokusebenzela ezokuba nezixhobo zombane ukuze bandise iimveliso zawo baphinde bamkelwe ngabantu bale ngingqi bafumane nenkxaso. Bathi abanamdla wakucela nkxaso kurhulumebte kuba bakhuthaza ukuzimela.