Amashumi amabini eminyaka yasekwayo iNdlu yeeNkosi zePhondo leMpuma Kapa

UZolile Burns-Ncamashe noCyril Ramaphosa phambi kweNdlu yeeNkosi UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Lo mnyhadala wokugcobela amashumi amabini eminyaka yasekwayo iNdlu yeeNkosi zePhondo leMpuma Kapa, ubanjwe kanye ngexesha umzi woMzantsi Afrika wonke uzama-zama, iNgqungquthela yeSizwe yama-Afrika (ANC) ixinwe ziingxaki zolawulo, uqoqosho nentlalo.

Lo mbhodamo ukhoyo kweli lizwe lookhokho bethu ucela umngeni kubantwana begazi, iinkokheli zomthonyama, zona ziwafumana kwizinyanya zawo amagunya okulawula. Eli lixesha lokuba iiNkosi zazi ukuba sikho isizathu esibangela ukuba zibezisekho ebomini besizwe soMzantsi Afrika nakaloku nje, emva kweenkulungwane zeminyaka zisovuywa-vuywa yimibuso yabangeneleli nabarhwaphilizi, abacalu-caluli namaphandle, nangalo ixesha lolawulo ngokwesininzi.

Kaloku kusekho nanamhla oku abantu beli lizwe – abamnyama nabamhlophe – abasaman’ukubuza ukuba ingaba isekho na indima enokudlalwa ziinkosi ngeli xesha lolawulo lwentando yesininzi phantsi komgaqo-siseko wanamhlanje. Aba babuza lo mbuzo ngeba bathi, njengoko isizwe sikwazi ukuzonyulela iinkokheli zombuso ngokwentando yaso ayisekho imfuneko yazo iinkosi. Aba bantu bacinga njalo ke ngabo sebathinjwa ingqondo nomphefumlo lifuthe neempembelelo zabaphambukeli nabarhwaphilizi beli lizwe, koko nje bona abayiqondi loo nto.

Abanye babo bazigabisa ngokuthi bazii-republican, ngoko ke abanakuzibandakanya nombuso wobukhosi. Intlungu ke yile yokuba ikwazezi nkokheli ezithi zisebenzela ukusikhulula kumatyathanga engcinezelo nobukhoboka obubangelwa yile nkqubo yabangeneleli nabarhwaphilizi abazingca ngayo; ze baphinde kwabona bamangaliseke xa ezi ngxaki zingasombululeki. Awukwazi kaloku ukusombulula ingxaki ebangelwe ngabangeneleli kwangamasiko nezithethe zabo.

Ngokusekwa kwale Ndlu yeeNkosi ke, phakathi kwamanzithi-nzithi nombhodamo owawubangelwa ngabachasi bentlalo kaNtu, kwiminyaka engamashumi amabini eyadlulayo, izinyanya zomz’oNtsundu zazisithi qinani ziinkosi, ningatyhafi, thathani indawo yenu, nenz’igalelo, ukuze zibuyiswe emasisweni. Ndikhumbula kakuhle ukuchubeka nokubasemgangathweni ophezulu kweengxoxo ezaziqhubeka kule Ndlu ngexesha lokusekwa kwayo.

Nanjengoko ndandikwalilo neLungu leNdlu yoWiso Mthetho eKapa, ndandisithi xa ndithelekisa le Ndlu naleyo yaseKapa ndithi, “Yini, akwaba ilizwe lakuthi belinokuboniswa, lizithelekisele ngokwalo ukuba ngabaphi na abantu abantetho neengcinga ezakhayo kukho aba baseBhisho naba baseKapa!” Koko akuzange kubenjalo kuba amajelo eendaba kwaneentatheli ngokwazo ayethe phithi kokuya kwakusenzeka kulaa mfuziselo wenkqubo yaseKhayakhulu eBhilitane.

Ewe, amaciko awanezangotshe ezimangalisayo, anjengooNkos’uKakudi, Notha, Bhikitsha, Baleni, Qothongo, Mathanzima (Ngangomhlaba), Gwadiso nabanye, babelolwe kwilolo leengxoxo zeBhunga lamaphandle. Umohluko nabaya baseKapa kukuba bona babenefuthe lesiNtu kunye nelesiLungu. Babekhumsha njengabeLungu, babuye bacikoze nangolwakokwabo ngendlela emangalisayo.

Phantsi kwesandla solawulo lukaNkos’uZanemvula Nonkonyana – uBhala kaDududu, uMhlamb’olal’intaka, umfo kaMal’ayipheli – ithe nangona le ndlu yakhelwe esitalini samahashe, yawushukumisa umzi ngeentetho neentshukumo zawo.

Imithetho equlunqwa kwiNdlu yoWiso Mthetho eKapa nalapha eBhisho ibiqwalaselwa ngeliso lokhozi, iikomiti ngeekomiti zinyuka zisihla, zihamba kumaKomkhulu, zifunxa izimvo zabantu khon’ukuze iinkosi zikwazi ukunika amacebiso angawo kwabaselulawulweni ngenkqubo yaseNtshona. Kuloo minyaka yokusekwa kwale Ndlu amalungu ayehlawulwa imivuzo esisigxina phantse ngokufanayo namaLungu ePalamente, njengoko kufanele.

La malungelo aphuncuke kwisigaba esilandelayo, kusithiwa akhalile amanye amaPhondo, esithi le nto yenziwa leli Phondo leMpuma Kapa iza kugezisa iinkosi zamany’amaPhondo, mayipheliswe. Abachasi bobukhosi abuphelelanga apho ekwahlutheni imali yamaLungu eNdlu yeeNkosi, baphumeze umthetho othi inkosi eliLungu leNdlu yoWiso Mthetho ayivumelekanga ukuba ibekwalilo iLungu leNdlu yeeNkosi. Lo mthetho uthe wathintela iiNkosi ezinje ngam netshantliziyo uZanemvula ukuba sibengamaLungu ale Ndlu. Ulwile uBhala kodwa akwanceda nto, kuba ii-republican zazithethile.

INkulumbuso yokuqala yeli Phondo, uMnumzan’uRaymond Mhlaba, uNdobe, uthe nangona ekuqaleni nanjengeKomanisi ebeqale wangazicaceli kakuhle iiNkosi ezi, waqala wafudumala ngakuzo apha xa sele eman’ukuhambela kumaKomkhulu.

Ufundile ukuba nangona iinkosi ezi zazinebala likaNtsho ngenxa yombuso wocalu-calulo ezazisebenza nawo, abantu babesazithanda. Kuthe ke kusakube kunjalo waqalisa amanyathelo wokuba iinkosi ziphume kwisitali samahashe, zakhelwa eli Bhotwe lifanele kanye abaNtwana beGazi. Siziinkosi zalo eli Phondo sinombulelo ongazenzisiyo kuNdobe nakumaphakathi awayesebenza nawo ngelo xesha.

Kubalulekile ukuba sihlale sikhumbula ukuba kungenxa yemizabalazo yeNgqungquthela yeeNkokheli zeMveli zoMzantsi Afrika (Contralesa) ukuze sibe sithetha ngobukhosi obuvunyiweyo nanguMgaqosiseko weli lizwe. Kunamhlanje nje umthetho uthi makubekho iziNdlu zeeNkosi kuwo omathathu amanqanaba obukhosi, kuze ezantsi phaya eluntwini aqhubeke esebenza amaBhunga eMveli.

Ngawo lo mnyaka wokukhunjulwa kwenkulungwane wazalwayo uKayizana Oliver Reginald kaThambo, uMachi, eMbizana kwelamaMpondo, kuhle ukuba sibhengeze ukuba nguye owasithethelelayo ngexesha kuqulunqwa iziKhokelo zoMgaqosiseko ze-ANC ezazisandulela iingxoxo zenkululeko.

Xa zazivuth’amadangatye ii-republican, zisithi ngexesha lombuso ngentando yesininzi iinkosi zakuphelelwa ngamagunya okulawula, wem’entla umfo waseNkantolo, esithi uNotshe ayisokuze yenzeke loo nto esaphila. Iinkosi, wacacisa, azizange zakhiwe yinkqubo yabangeneleli nabarhwaphilizi nayinkqubo yocalu-calulo, ngoko ke akusokuze kuthi kwakufika ixesha lenkululeko bupheliswe ubukhosi.

Ngokwenene ezo ziKhokelo zoMgaqo-siseko zabuvuma ubukhosi. Nawo umgaqo-siseko wethutyana owawuqulunqwe esaphila wabuvuma ubukhosi. Ngelishwa lo ka-1996 wona umgaqo-siseko uwungcatshile umoya kaThambo ngokuthi uwahluthe onke amagunya olawuyo kwiinkosi, wawanikezela kwiinkokheli zolonyulo, ingakumbi ooCeba.

Nanjengoko iNgqungquthela yoMgaqo-nkqubo yeNgqungquthela yeSizwe yamaAfrika ebikule veki siyiphethayo igqibe kwelokuba iContralesa iza kuhlangana ne-ANC ingafikanga inyanga yoMnga, sinethemba lokuba uMbutho weSizwe uyakunyaniseka kwiinjongo zikaThambo nabo bonke abaseki bawo, ngokuthi bathabathe izigqibo ezibuyisela ubukhosi endaweni yabo.

Umhlaba nenkululeko yomz’oNtsundu zalahleka zisezandleni zobukhosi, ngoko ke ukubuya komhlaba nenkululeko kuyakwenzeka xa iindlalifa eziphilayo zeeNkosi zamandulo zinikwe indawo yazo.

Le Ndlu kwanazo zonke ezinye zeli lizwe zinoxanduva lokunika izikhokelo ezizizo ebukhosini nasesizweni jikelele. Iinkosi maziyeke ukufuna ukuba ziinkokheli zokukhethwa.

Mazingathobi isidima somz’oNtsundu ngokukhuphisana nabantu booyise nooyisemkhulu. Kwaye ke umanyano ngamandla. Ikamva leli lizwe lisezandleni zenu!

MAZ’ENETHOLE!