Amathemba abo akumgqatswa ozimeleyo

Abahlali bakwa-NU 1 nakwa-NU 2 eMdantsane bathi amathemba abo ngoku bawaphose kumgqatswa wabo ozimeleyo wakwaWadi 42.

Aba bahlali bamise ngxi indlela kumngcelele izolo kwa-NU 1 bephakamise igama likaPhakamile Bamla abathi bafuna yena ekubeni abenguceba wabo ozimeleyo kule wadi.

Omnye olilungu othethele abahlali bendibanisela abayibiza ukuba yiPeoples’ Choice uTobeka Mtata uthi ngokwenza le migushuzo bafikelele ekwaneleni yindlela umbutho wabo owenza ngayo izinto xa kuthethwa ngeenkonzo zikarhulumente eziya eluntwini.

“Lo simxhomileleyo nguceba esimkhethe ngokwethu thina singabahlali kuba sicinga ukuba nguyena mntu ungasinika iimfuno zethu. Singamalungu eANC asixolanga yinkqubo yeANC kwanooceba abasinika bona esingabafuniyo,” kutsho uMtata.

Kwezinye zezinto abathi aboneliseki zizo, uthi abantwana babo abaphangeli bavele babone sele kusetyenzwa ezindleleni kudaleke amathuba engqesho babe abantwana babo bengenamisebenzi behleli nabo ezindlini abantu baqeshwa ngobusuku, ezinye izinto kukungabi nazindlu kwanamanzi.

abongile.ginya@inl.co.za