Amaxhala phantsi kwabenkam-nkam

IArhente ejongene nezibonelelo zikarhulumente kweli iSASSA eNtshona Koloni, ithi uluntu lungayifumana intlawulo yalo de kube yiveki ezayo.

Oku kusemva kokuba uluntu olungaphezu kwamashumi amathandathu amawaka lungakhange lusifumane isibonelelo ngenxa yeenguqu ezintsha kumakhadi.

UMlawuli oyiNtloko obambeleyo eNtshona Koloni, uHenri De Grass, uthi ezinye zeendawo ezincedisa ukuhlawula le mali kubanikazi bayo bezingakulungelanga ukwenza le ntlawulo ukusukela ngomhla wokuqala kweyeKhala.

Uthi ngenxa yokuba ngoku ezi venkile kuquka nenkonzo yeposi zikulungele ukuhlawula ezi zibonelelo, azikho iingxaki ezilindelekileyo.

“Inkqubo yokuhlawula izibonelelo iqhuba kakuhle kakhulu ngenxa yokuba sineevenkile ezisincedisayo ezifana noShoprite, Checkers nePick * ’ Pay, apha abantu banokufumana khona imali yabo,” ucacise watsho uDe Grass.

Uqhankqalazo lwabasebenzi basePosini abangamawaka amabini lubangele ingxaki kwinkqubo entsha yokuhlawula ezi zibonelelo. Abasebenzi basePosini kuzwelonke banyanzelisa ukunyuselwa imirholo ngeepesenti ezilishumi elinesibini ekhulwini.

Uthetha-thethwano phakathi kwabasebenzi nabaphathi beposi aluhambelanga ndawo kwiveki ephelileyo.

“Iinkokheli zeSAPO zisiqinisekise ukuba uqhankqalazo aluzukuchaphazela ukugqithiswa kwezi zibonelelo zoluntu kwiphondo leMpuma Koloni,” uthethe watsho uDe Grass.

Ukanti othethe egameni leSASSA eMpuma Koloni uLuzuko Qina, uthi azikho iingxaki ezintsha ezibonakeleyo kweli phondo ukusukela oko kuqale le nkqubo intsha.

“Nanjengoko ibiyingxaki kazwelonke le, nathi ibisifumene, kodwa ngoku zonke izinto ziqhuba kakuhle kakhulu, abantu bayazifumana izibonelelo zabo ngaphandle kwengxaki,” utshilo uQina.

Ingxelo kaSASSA kuzwelonke ithi ngabantu beli abakwishumi elinesibini lezigidi abafumana ezi zibonelelo, kwaye abangamakhulu asixhenxe amawaka sele bengene kwinkqubo yamakhadi amatsha.

Umlawuli obambeleyo kwaSASSA uAbraham Mahlangu, uthi abantu abanengxaki yamakhadi mabadibane neeofisi zabo kumaphondo.

“Abahlali abanengxaki bangathetha nathi ngokuthi batsalele umnxeba inombolo engahlawulelwayo yethu engu 0800 60 10 11, sikwanaso nesibonelelo esisodwa kwimeko ezicekethekileyo ezinokubangelwa kukungafumaneki kwesibonelelo,” ucacise watsho uMahlangu.