Amaxhwele kulondolozo lwendalo

Ixhwele laseNgqushwa uThembele Hanise UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

IXHWELE laseNgqushwa lithi uMdali wehlabathi washiya abantu nendalo, ngoko ke yiyo lo nto bengamaxhwele bewubona uluxanduva lwabo umbandela wokukokosa indalo.

UThembele Hanise waseMazizini eNgqushwa kungoku nje usebenzisana neArhente yeeNdlela kaZwelonke iSANRAL, kwiphulo lokuqinisekisa ukuba imithi eluncedo ngonyango eluntwini, ayitshabalali.

“Njengokuba uSANRAL esenza indlela ukusuka eRhini ukuya eNgqushwa nje, wandicela ukuba ndikhombe amayeza endirhalela ukuba angatshatyalaliswa ziimatshini zakhe zokugrumba, ukuze siwatyale ngokokutsha loo mayeza.

“Kule ntsebenziswano yam noSANRAL, ndiye ndiqale ndijonge amayeza kulo ndawo aza kugrumba kuyo, emva koko ndifake into ebonisayo ukuba kukho iyeza elibalulekileyo. Bathi ke xa befika bona, baligrumbe kakuhle bayolityala kwindawo esecaleni endleleni – futhi bandixelele nokuba balityale kweyiphi indawo,” utshilo uHanise.

UHanise, owaqala ukunyanga eseyinkwenkwe emva kokufunda kutata kamama wakhe, ebencokola nephephandaba I’solezwe ngethuba ebeyinxalenye nendibano entsuku-ntathu ebixoxa ulondolozo noqoqosho lwendalo, nebibanjelwe kwihotele i-ICC eMonti ukuqala ngoLwesine weveki ephelileyo.

UHanise uthi ukunyangwa koluntu yinto kanaphakade.

“Lo mthi ndinyanga ngawo ngoku kuya kuhlala kunyangwa ngawo nanini na. Ookhokho bethu babenyanga ngale mithi sinyanga ngayo ngoku, into ethetha ukuba iyeza linyelifuna nje umntu olaziyo.”

UHanise uthi uluntu olungayikhathalelanga indalo, luqhokra ikamva labanye abantu.

“Indalo sixhomekeke kuyo thina, kuba nala mayeza siphilisa ngawo abantu aphuma endalweni. Xa ndiye ehlathini, ndifike kukho umthi endibona ukuba ukekele ndiye ndiwumise kakuhle, emva koko ndiwushiye ukuze umile kakuhle.

“Singamaxhwele, asifani namagqirha kuba asivumisi, koko sinyanga umntu ngeyeza. Xa singayilondolozi indalo, ziza kunyangwa ngantoni izizukulwana zethu?” kubuza uHanise.