Amazwi ovelwano emva kokubhubha kukaLindani Bekwa

Ayaphokoka amazwi ovelwano, bambi bengakholelwa, emva kokubhubha kwegqala lomfundi weendaba kwisikhululo seSABC Umhlobo Wenene FM uLindani Bekwa.

UBekwa (46) ubhubhele kwisibhedlele saseGreenacres eBhayi emva kwengulo ende.

UBekwa uyakukhunjulwa ngelizwi lakhe eliphantsi kunomathotholo, emva kokufunda iindaba kulo msasazeli woluntu ukusukela kwiminyaka yoo1990.

Umhleli kwicandelo lokufundwa kweendaba kuMhlobo Wenene uLungisa Nogcazi, uthi ukubhubha kukaBekwa yilahleko engathethekiyo.

“Sisothukile ziindaba zokubhubha kukaLindani Bekwa kuba njengoogxa bakhe besisithi xa sithetha naye asiqinisekise ukuba uzakubuyela emsebenzini. Simothulela umnqwazi ngegalelo alenze kwicandelo leendaba kwaSABC.

“Usebenze kakhulu ebhala futhi evelisa iindaba. Sakuhlala simkhumbula. Sithatha eli thuba ukudlulisa amazwi ovelwano kusapho lwakhe,” utshilo uNogcazi.

UBekwa, inzalelwane yaseRhini, usebenze kumanqanaba aliqela kwicandelo leendaba kwaSABC. Ngaphandle kokufunda iindaba, ukhe wavelisa iindaba zokusingqongileyo futhi waphinda wangumvelisi ophezulu kwicandelo lokufundwa kweendaba.

Amalungiselelo omngcwabo wakhe ebengekabhengezwa.