ANC: Ixesha lisondele

UMBUTHO iANC eMpuma Koloni uthi izakuqhuba inkomfa yephondo yalo mbutho kwihotele i-ICC eMonti kwiveki ezayo, watsho ukukhabela phaya ukusiwa kwawo kwinkundla ephakamileyo yaseMthatha ngelithi “linyathelo nje labantu abangonwabanga ababesakuba ziinkokeli.”

Oku kuza emva kokuba amalungu eANC amabini engingqi i-OR Tambo ethathe iANC yephondo ayisa enkundleni efuna kuchithwe isikhokelo salo mbutho e-OR Tambo, ngelibanga ngelithi sonyulwe ngokungekho semthethweni. Eli tyala kulindeleke ukuba limanyelwe enkundleni namhlanje.

Kwindibano yalo mbutho ebibanjelwe eCalata House eQonce ngoMvulo, uNobhala weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi ngokwengxelo abayifumene kwiqela likazwelonke lalo mbutho elijongene nokuhlola ubume bamasebe, kufumaniseke ukuba bakwenzile oko kufunekayo ukuze kubanjwe amasebe, into ethetha ukuba bayenzile intatho-nxaxheba yamashumi asixhenxe ekhulwini (70%) yamasebe.

“Ingxelo malunga nendawo yokubambela inkomfa, indawo yokulala, umba wokuthuthwa kwabathunywa iyakhombisa ukuba siyilungele inkomfa, ezakubanjwa ukusuka ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMsintsi ukuya kumhla wokuqala kweyeDwarha,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi inyathelo lokusiwa kwalo mbutho enkundleni, njengekhubalo lokuthintela inkomfa, “yinto nje eyenziwa ngabantu abangonwabanga ababefudula beziinkokeli.”

Unomji kweli nyathelo lenkundla eMthatha, kukuba amalungu athile eANC e-OR Tambo abanga ngelithi isigqeba seANC ngokukhokelwa nguSihlalo uXolile Nkompela owoyisa uThandekile Sabisa kwinkomfa eyayibanjwe ngonyaka ka2015.

Ingingqi ye-OR Tambo, eyeyona inkulu eMpuma Koloni ixhasa uMabuyane njengalowo ufanele ukukhokela iANC njengoSihlalo wephondo endaweni kaPhumulo Masualle, okwayiNkulumbuso.

Kusenjalo, uMabuyane ukugxekile ukuxwaxwa kukaMasualle kwindibano karhulumente ebibanjelwe eNdevana eQonce.

Kule ndibano, ebizinyaswe nguSekela Mongameli uCyril Ramaphosa, abaxhasi bakaMabuyane abebegcwalise intente amamkele ngentlokomokazi uMabuyane ze amxwaxwa uMasualle ngethuba kusaziswa ubukho bakhe.

Ekuxwaxweni uMasualle, amalungu eANC ajiwuzise ngokomfuziselo wevili izandla zawo emoyeni, uphawu olusetyenziswa ngamalungu alo mbutho xa efuna utshintsho kwisikhokelo.

UMabuyane uthi alamkelekanga eli nyathelo. “Uqabane uPhumulo Masualle nguSihlalo weANC ephondweni kwaneNkulumbuso yephondo, kwaye kufuneka anikwe imbeko emfaneleyo,” utshilo uMabuyane.

Kule nkomfa uMabuyane ukugqatso lokuba nguSihlalo, uLulama Ngcukayitobi kugqatso lokuba nguNobhala, Mlungisi Mvoko kugqatso lokuba ngusekela Sihlalo, Helen Sauls-August lokuba ngusekela Nobhala kwanoBabalo Madikizela kugqatso lokuba nguNondyebo.

Kwicandelo likaMasualle, okugqatso lwesithathu kwisikhundla sokuba nguSihlalo, * -Andile Lungisa ukugqatso lokuba nguNobhala, Sakhumzi Somyo kugqatso lokuba ngusekela Sihlalo, Nolitha Ntobongwana kugqatso lokuba ngusekela Nobhala kwakunye noThandiswa Marawu njengoNondyebo.