ANC: Tshotsho Nancy Sihlwayi

UNancy Sihlwayi onguMphathiswa woPhuhliso loLuntu kwiphondo leMpuma Koloni umfanekiso: Michael Pinyana.

UMGCA ukrweliwe ngoku phakathi kwemihlambi eyalanayo yeANC eMpuma Koloni, emva kokuba lo mbutho ephondweni ukhwele uzehlela kuMphathiswa woPhuhliso loLuntu uNancy Sihlwayi, usithi ufuna aphendule ngokuququzelela umsitho karhulumente obuzinyaswe liqaqobana labantu eBhayi.

Lo msitho, wokusungula ngokusesikweni iphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu lokuthi phantsi ngokuphathwa gadalala koomama neentsana, ubufanele ukuba uzinyaswe nguMongameli Jacob Zuma kodwa akukhange kubenjalo emva kokuba uMongameli engabonakalanga nangotshengele.

Ngomhla wokubanjwa kwalo msitho, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesihlanu kweyeNkanga, i-ofisi kaMongameli ikhuphe imbalelwano isithi uZuma uzakumelwa nguMphathiswa ojongene nemiba yamakhosikazi uSusan Shabangu.

Liqaqobana labantu abebenxibe izikipa zeANC elithe lazimasa lo msitho. INkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle ebekwawuzimasile lo msitho.

UNobhala weANC ephondweni uLulama Ngcukayitobi uthi ukuba uSihlwayi ebephulaphule iingcebiso zabasemagunyeni ephondweni, lo msitho ngewubanjelwe apho “ubucetyelwe” khona kuqala, kumasipala wesithili iAlfred Nzo.

UNgcukayitobi uthi iinjongo zalo msitho waseBhayi “ibikukukhutshwa” kwezikipa ezihambisana negqugula elithile kwiANC. Kwimifanekiso ethubeleza kumnatha wonxibelelwano, abantu ababezimase lo msitho bebebonakala benxibe izikipa ezinobuso bukaNkosazana Dlamini-Zuma.

“Asinakusinyamezela tu isimilo sikaMphathiswa wesebe loPhuhliso loLuntu. Sifuna [uSihlwayi] axelele uluntu ukuba kutheni etshintshe lo msitho wawusa eBhayi endaweni yaseAlfred Nzo. Sifuna ukwazi ngemali ayichithe kulo msitho, futhi abe sele esitsho ukuba uzakuyibuyisa njani kwinxili yabarhafi,” kutsho uNgcukayitobi.

USihlwayi ngomnye weenkokeli zeANC ebezixhasa uMasualle kwiphulo lesihlandlo sesithathu njengoSihlalo walo mbutho ephondweni.

UMasualle waphulukana nolu gqatso emva kokohlulwa ngeevoti nguLubabalo Oscar Mabuyane kuloo nkomfa yayinguqulukubhode owashiya iingxwelerha kulandela umlo phakathi kwabaxhasi bakaMasualle nabakaMabuyane.

Iphendula malunga nalo msitho waseBhayi, i-Ofisi kaMasualle ithi lo ibingumsitho karhulumente kazwelonke.

UManejala wezoNxibelelwano kule Ofisi uMandisa Titi, uthi bebengenokwazi ukunqanda indlela abanxibe ngayo abantu abebeze kulo msitho.

“Thina njengorhulumente asizithengi izixhobo zokugqamisa imibutho yezopolitiko. [Endaweni yoko], sisoloko silindele uluntu ukuba lukwazi ukwahlula kwizinto zombutho nezo zikarhulumente,” utshilo uTiti.

UTiti ukwathe umdlalo weChippa United neSundowns obubanjelwe eBhayi ngoMgqibelo, ulenzile ifuthe kwinani elingephi elithe lazimasa lo msitho.