ANC vs ANC

Kukho impendulo esikhe sathanda ukumane sidibana nayo qho xa singqala inkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle ngemibuzo.

Le mpendulo idla ngokucangcatha kwinto yokuba xa eyokwenza umsebenzi njengenkulumbuso yephondo akanokukwazi ukuphendula imibuzo edibene neANC, umbutho lo asuka kuwo, umbutho lo ebengusihlalo kuwo.

Iye iyityhafise ke intatheli into yokuba umntu akwazi ukuzohlula kumbutho wakhe xa kulungele yena.

Ingxaki iqala apho ke ngeANC yanamhlanje; amalungu ayo awaziboni njengamalungu ayo kuqala. Bazibona ngeso laleyo bakuyo okanye abayixhasayo ngelo xesha.

Yiyo ke lo nto kufuneka kuqeshwe amapolisa nenqwaba yoonogada ezakukhusela amagosa eANC kule nkomfa yama-54 yeANC.

NgoLwesihlanu kuzakubhaliswa pha eNasrec Expo Centre, kubekho isidlo sangokuhlwa sokuyivula ngokusesikweni yonke le nkqubo.

NgoMgqibelo, umhla we-16 kubengona kuqala inkomfa ubuqu. Akulindelekanga zintlantsi kolu suku lokuqala ngoba kuzakube kufundwa iingxelo zonyaka nenkqubo kaKhongolose.

NgeCawe, kulapho ke konyulwa khona phakathi kukaCyril Ramaphosa noNkosazana Dlamini-Zuma.

Olu lusuku olunobungozi ngoba amalungu la eANC akube epha asenokulibala ukuba akumbutho omnye. Asenokwenza la nto yenzeka eMonti; agqayane ngezitulo ibe ligazi yonke nje indawo.

Okanye bangazibamba, baqhube ulonyulo oluzolileyo, bamkele iziphumo nokuba zithini. Akukho nto ilwisayo ngoba isengumbutho omnye lo.

Into yokuba yangubani inkokeli akumelanga ukuba ithetha nto ingako; ngoba kaloku lo mbutho ngumbutho othi “kwakulawula abantu”. Ingaba ke umbutho xa uzigocagoca wona uzibona unamalungu akufaneleyo ukulawula?

Amalungu anokuthi anikwe indlebe yilo nkokeli ithe yonyulwa?

Inye qha into esiqiniseke ngayo okwangoku; kukuba kule veki izayo iANC izakube inenkokeli entsha.