Andinamdla emalini nakumawonga

Kungale nyanga yokuhlonipha izithethe namasiko esizwe endithi ngayo makhe ndiphawule ngenqaku lomTshatshu wakuthi uMnu. Monde Ciko, nonengcinga yokuba ndinedyudyu yokuthengiseka kweencwadi zam xa bendinqanda into yokuthukwa kwabantu ababhubhileyo.

Phambi kokuba wenze izigqibo ngomntu kufuneka kuqala umazi ncam ncakasana. Mna ke ndikhulele eDutywa kwilali yamaqaba la aqaba imbola. Amaqaba la athi qhu.

Ndaba nethamsanqa ke kuba ubawo wayenesiqwanaqwana semfundo yebanga lesine ekwazi ukukhumsha, enayo nelayisenisi yokuqhuba ekuthiwa ngu ‘Code 10’, awayifumana ngo1958, umama ondizalayo wayenebanga lesibini engakwazi ukukhumsha. Umzi wasekhaya ngumzi wesithembu, utata ngowomfazi wesithathu kaMakuliwe, naye uzeke isithembu, abafazi babini.

Isizathu semfundwana ephantsi yabazali bam senza ukuba ekhaya kusoloko kuphithizela abantu abeza ngeengxaki zeeleta zabo ezisuka kumaRhulumente nakwizizalwane zabo ezikoomaGoli nakoomaRhawuti. Ubawo ondizalayo wayengumqhubi kwivenkile yeJamani uMnu. Denis Bode, nto leyo eyandenza ndiqhelane nabantu abaninzi ndibukela nemixhentso yeentombi namakhwenkwe, ukuhlonitshwa kwezigwili ezazithengisa uboya, indlela amaXhosa adlulisela ngayo iindaba kwimibuliso njalo njalo.

Ndithetha kuthi ke mfo wakuthi umntu ndiyamazi ndikhulele kuye. Ikhaya ndalishiya ndimncinci ndisiya kufunda ibanga lesihlanu emva kokuba ndisigqibile isikolo sasekhaya. Ndafikela apho kwimeko ezintsha zamasiko nezithethe kuba mna ndingumXhosa ngoku ndandifikela emaMfengwini. Yayindim ndedwa umXhosa kuloo minyaka mithathu ndayihlala apho.

Ukushwankathela nje ndifunde kwizikolo ezine phambi kokuba ndipase imatriki, ngezizathu zentswelo kubantu belizwe endazalelwa kulo abangafundanga. Apho ndiya khona, ithi iBhayibhile kwathethwa noYohane xa wayengumthinjwa kwisiqithi sePatimo kwathiwa, ‘Ezi zinto uzibonile zibhale Yohane!” Ndizama ukuthi, qho mna ndibhala nantoni na ndikhumbula imizila yeentsunguzi endidlule kuzo. Ndithanda abantu, uthando lwabo lumpompoza egazini lam. Andinamdla wakukubalisela ngokubola kweenkonzo ezipapasha iincwadi zesiXhosa kuba ngokwendalo le yam asinto yam ukukhomba abantu ngeminwe egoso. Endingalitsho kuwe kukuba incwadi yam yeziduko yenye yeencwadi endafumana ubunzima ukuyipapasha neyandivula ingqondo. Obona bunzima ndabufumanayo lixesha eyayipapashwa ngalo lokujika kopolitiko eMzantsi Afrika. Bonke abapapashi babeyoyika kusithiwa ikhuthaza ubuhlanga (tribalism), laa nto yokudalwa kwamaphandle nguGqr. H.F. Verwoed. Eyona yayiphambili kumaqela opolitiko yayibubuQABANE nobuAFRIKA. Iicawe nazo zazikhuthaza ubuZALWANE nobuDADE. Kwakungekho mntu ufuna ukuzayamanisa nomntu obuyisela abantu emva kwingcinezelo yamaBhulu. Emva kokuthubeleza ndisebenzisa ubuqhinga ndavunyelwa eRadio Transkei ukuba ndithethe ngeziduko nguMnu. N.N. Yapi, ndathubeleza ndangena eUnitra Community Radio, ndaya kutsho naseMhlobo Wenene.

Kube lapho kweso sitishi ke apho ndaba noxinezelelo, incwadi ifunwa kakhulu ngabaphulaphuli. Ngethamsanqa, owayesakuba nguMphathiswa owayejongene namasiko nezithethe eMpuma-Koloni, Ohloniphekileyo uNkosk.Nosimo Balindlela noGqr. Makhenkesi Stofile ngabanye babaphulaphuli abathabathekayo ziziduko. Lo nto yenza ukuba ndifumane imali kurhulumente endiyiqikelela kwiR20 000.

Kanti andazi nto kuseza kubanzima xa ndisiya kubapapashi, bonke babesala kuba le mali yayincinci kakhulu, besithi bebenokundinceda ukuba ibiphaya koR250 000.

Kuloo ntsokolo ndancedwa nguMfundisi uBongani Ntisana wakwaLovedale Press, wathi mandizimele ngenkqayi elangeni ndizipapashele le ncwadi yam kuba bonke oosomashishini bajonge iipolisi zorhulumente ophetheyo.

Xa ndilenza lincinci ndathi ndakufumana abashicileli ndayithengisa ingekho incwadi ndisithi abantu mabalinde inyanga incwadi iyeza. Elo cebo laphumelela yavela ngowe-2003.

Ithe yakuphuma incwadi ingxaki elandelayo yaba kukuliwa kwam ngoku ngabanye abantu besithi nabo bangoochwepheshe kwiziduko. Elandelayo yaba kukungafumani nkxaso yamali, namava angekhoyo kwezopapasho. Emva kokuba incwadi ifikelele ebantwini kwanqongophala abathengi. Nalapho ndavuka neqhinga lokuba ndiyohlule ibe zincwadi ezingama-30 ngokwezizwe zoMzantsi Afrika. Loo miqulu ndayipapasha ngemini enye. Yatsala abeLungu baseBhayi, iRhodes University neNdlu yeeNkosi eBhisho.

Elinye iqhinga ndithe ndakufumanisa ukuba abeLungu abaziprofesa banomdla, ndayiyekisa into yokushishina ndaphucula ngakumbi okuqulethwe ezincwadini. Ndafumanisa ukuba basebenzisa amathala aseQonce. Ndaqalisa into entsha yokuphisa ngeencwadi ukuze izimvo zam zisoloko zisemilebeni yabantu. Incwadi zam ndiphisa ngazo kumathala aseAmathole eQonce.

Xa ndigqiba, mna ndifunde ‘iphilosophy,’ ndithengisa nje eli gama lithi Mpumelelo T.A. Makuliwe. Enye impazamo yabantu kukucinga ukuba ndiyabetheka kukungaveli konoomathotholo nakumaphephandaba, nakwintlanganiso ezibalulekileyo zeenkcubabuchopho. Ndithi ngoku ndingekhoyo ndimpintshelwe. Amaziko osasazo namaphephandaba ndakuyekisa ukusebenzisana nawo kuba ndifuna ndizivele izimvo zabantu. Nabantu abangoochuphathi kwezophando abasetyenziswa zizitishi zosasazo bahamba bahambe baxinge, baze babalekele apha kum.

UNDOQO SISAKHONO. Iinkonzo ze-intanethi ezinye ziyazinhabhela ziba iziduko zam kodwa ziyasebenza kuba zithengisa igama. Ndifuna qha igama elithi, MTA Makuliwe lisoloko lisematheni. Ndifuna ndithi ndisifa babe abantu bezingca ngamasiko nezithethe zabo.