Angcwatyiwe amaxhoba ohlaselo eMthatha

Angcwatyiwe ngoMgqibelo amalungu amane osapho lakwaArosi eWaterfall eMthatha kulandela ukubulawa kwawo kwiveki ephelileyo.

Isithathu sala maxhoba adutyulwe abulawa ngethuba amadoda angaziwayo egaleleka kweli khaya afika avulela ngeembumbulu kwabhubha uBuntu Arosi (25), Thandokazi Arosi (20) ngoko nangoko ukanti ixhoba lesithathu uNosandla Arosi (52) ubhubhele esibhedlele ngamanxeba okudutyulwa, ukanti utata weli khaya uSazi Arosi (54) usweleke ngenxa yokugula. Iingxelo zithi la madoda afika exhobe ngemipu, adubula la malungu olu sapho. Amapolisa afumana amakhoba eembumbulu alishumi elinesixhenxe.

Ethetha kulo mngcwabo usodolophu waseKSD uNonkoliso Ngqongwa uthe abahlali mabehlise imimoya bayekele umthetho udlale indima yawo.

“Singurhulumente sikhuthaza uxolo kuyekwe umthetho uthathe indima yawo. Asingethandi ukuzibona sinelizwe labantu abahlala ngenkxalabo. Singumasipala siyazibophelela ekubeni sizohlala nolu sapho lakwaArosi,” utsho uNgqongwa.

Iingxelo zithi esi siganeko kuvakala ukuba sinxulumene nempindezelo emva kokubulawa kwendoda apha eWaterfall.”

Kukho iingxelo ezithi amapolisa ahlohla ngemibuzo amadoda amane ngokunxulumene nolu gebengo.