Aphele emqaleni!

Isijwili nesingqala sivakala mbombo zonke zeli loMzantsi Afrika kulilelwa amaxhoba athe achaphazeleka kwintlavubela yengozi yebhasi ekhalele umgaqo kuCentane ebutsheni bale veki.

Sililisana neentsapho kwakunye nezalamane zabo bathe basutywa kukufa nabo bonzakeleyo.

Iindlela zaseMpuma Koloni zikwimeko ekhwinisayo kwaye kumele urhulumente akhawulezise ukuzilungisa ukunqanda izehlo ezikumila kunje kwixa elizayo.

Isebe lezoThutho kufuneka linike ingqwalasela enkulu kwiinkampani zeebhasi, iiteksi kuba abaqhubi ngabo ababanga iingozi maxa wambi ngenxa yokuqhuba kakubi nangokungakhathali.

Kule meko yebhasi kusenziwa uphando kodwa kuyavakala ukuba ibihamba ngesantya esixhomisa amehlo.

Ekuqaleni kweeholide zehlobo, uMpathiswa wezoThutho ephondweni uWeziwe Tikana-Gxothiwe wathi thaca izicwangciso zokunqanda impalalogazi ezindleleni, asazi nokuba oko kuzele nkomoni xa kunje?

Osisithethi soMphathiswa, uUnathi Binqose, uthi uTikana -Gxothiwe ubekhe wathelwa thsuphe ngezikhalazo zabakhweli ngokunxamnye nomqhubi wale nkampani othanda ukundlandlathekisa ibhasi kodwa akazi nokuba ngulo ubandakanyeke kule ngozi.

Unobhala jikelele kaKhongolose ephondweni, uLulama Ngcukayitobi, naye uvakalise umothuko watsho ehlaba ikhwelo kwinkampani yale bhasi ukuba isebenzisane namagosa ukuze uphando luqosheliswe ngokukhawuleza ukuze nearhente yeRoad Accident Fund iqalise ukwenza amalungiselelo okuncedana neentsapho zabaswelekileyo kwanabo bonzakeleyo.

Masithembe ukuba le ngozi iza kuvusa abasemagunyeni, amagosa endlela kwanabaqhubi ngokubanzi ukuba banike ingqwalasela xa besebenzisa indlela.

Ukanti malinconywe inyathelo eliphenjelelwe bubuntu elithathwe ngumbutho wabangcwabi obizwa ngelokuba yiSA Funerals Association ethembise ngokuthabathela kuyo iindleko zokungcwaba aba baswelekileyo.