Asalw’ amaqela nangona ivaliwe isizini yePSL

Isongiwe kule veki iphelileyo isizini yePremier Soccer League ka2015/2016. Ngaphandle kwamathandabuzo iMamelodi Sundowns inebali elinikisa umdla ezakulibalisa ngale sizini, ingakumbi umqeqeshi wayo uPitso Mosimane.

Le sizini izivume isaqala iiBrazillians. Amanye amaqela awananto intle anokuyibalisa ngale sizini ingakumbi iKaizer Chiefs ephulukene neendebe ezimbini, eyePSL kunye nendebe yeMTN 8 phantsi kolawulo lomqeqeshi omtsha uSteve Komphela.

UKomphela ukuvumile ukubetheka kwakhe, kwaye unethemba lokuba abadlali bakhe bangakwazi ukuvuthulula baguqule izinto kwisizini ezayo. Elinye iqela eliyigqibe ngeenyembezi le sizini yiJomo Cosmos nethe yehliselwa kwakhona yabuyela kwiNational First Division.

ICosmos iwe phantsi kwilinge lokuzibekela indawo kwiPSL. Umqeqeshi weli qela uJomo Sono ungqishe phantsi ngonyawo esithi akayi ndawo uzakuhlala engumqeqeshi weqela lakhe nakwisizini ezayo. Uqinisekile nokuba iqela lakhe lizakubuya lidlale kwiPSL kwisizini ezayo.

Elinye iqela nelikamva lalo, imeko yalo iphakathi kwenyama nozipho yiUniversity of Pretoria eqeqeshwa nguShaun Bartlett. ITuks izibona sele iphakathi kwidabi lokulwela indawo yayo kwiPSL, ngoku sele ijijisana ngesi sikhundla neMbombela United neHighlands Park. Omabini la maqela adlala kwiNFD, iHighlands Park yona sele ifake unyawo olunye kwiPSL.

IMpuma Koloni nayo ziyavakala izingqi zayo kwibhola ekhatywayo kweli loMzantsi Afrika. Umthatha Bucks ukwazile uklugcina indawo yawo kwiNFD emva kokulwa ngokuzimisela ukubaleka izembe. Kungekudala ukuba izinto zihamba kakuhle kwiiplayoffs, eFree State kule nyanga izayo iMpuma Koloni inganelinye iqela kwiNFD.

ITornado FC ekhokelwa nguThobela Bikwani iphumelele i-ABC Motsepe League kwezi veki zidlulileyo, kwaye ngoku isethubeni lokudlala kwiNFD kwisizini ezayo.