Asangena amazwi wovelwano ngokubhubha kukaGunman

OOSAZIWAYO, abalandeli kunye nabadlali kumabonakude – bayagxalathelana kumaqonga wonxibelelwano ngelithi ndlela-ntle kwigqala lemidlalo kamabonakude uJabu Christopher Kubheka obedume ngelikaGun Man kwindumasi yomdlalo kamabonakude iYizo Yizo.

UKubheka ufunyenwe sel’ ebanda kwikhaya lakhe eliseSoshanguve, eTshwane ngenjikalanga yangoMvulo [izolo].

Kukholeleka ukuba lo mdlali kamabonakude uzibulele ngokuzixhoma.

Ethetha nathi ngale ntsasa, uCaptain Mavela Masondo uthe inkosikazi yalo mdlali kamabonakude obeminyaka engama-48 ubudala, imfumene umyeni wakhe ejinga kwicango le-burglar ngethuba evela ngasempangelweni.

Alaziwa ixesha atshabe ngalo uKhubeka, kodwa inkosikazi yakhe iwufumene malunga necala emva kwentsimbi yesine umzimba wakhe.

Abamelwane bona bambone malunga nentsimbi yesithathu emva kwemini.

UKubheka bekhe wadlala indawo kaBazooka Khumba kumdlalo weSABC 1 iZone 14.

UMphathiswa wezobuGcisa neNkcubeko, uNathi Mthethwa, abadlali bakamabonakude uTerry Pheto noRami Chuene ngabanye abathumele amazwi wovelwano kusapho.