‘Asifuni sikroxo endaweni yethu’

Ivenkile yaseMdantsane eHlongwane Street eNU17 ekungavunywayo ngabahlali ukuba kuvulwe indawo yotywala

Abahlali abasele besidla umhlala-phantsi bakwa-N.U. 17 eMdantsane ngaseMonti, bathi ukuvulwa kwendawo yokuthengisa utywala kwindawo yabo kuza kuphazamisa uxolo, kwenze izehlo zolwaphulo-mthetho.

Aba bahlali bathi ukuvulwa kwesi sikroxo kuza kubangela abantwana besikolo babengamaxhoba kuba yindlela abadlula kuyo umhla nezolo le xa besiya esikolweni.

“Asali ukuba umntu angavuli ishishini kule ndawo nantoni na siyayamkela, kodwa esingasoze siyamkele kukuba ebudaleni kuzokuvulwa isikroxo sotywala. Ukuvulwa kwesi sikroxo akukho nto intle iyakuxhanyulwa lulutsha naluluntu, koko koxhamla lo somashishini kuphela.

“Inkxalabo yethu kukoyika izidumbu ezingaziwayo ecaleni kwemizi yethu kuba ukunxila kwalo ulutsha luxabana luhlabane. Iingceba zeebhotile, imichamo enukayo, iikhondom ngasezindlini zethu kwanomculo ongazukusilalisa kuyasixhalabisa,” oko kudizwe ngomnye woomama abangaxolanga kule ndawo.

Ukanti nomnye umhlali oxhalabileyo kule ndawo uthe: “Sibadala gqithi zange sangxolelwa kule ndawo oko sasipholile kuba ayisiyondawo yasigxum-gxum le sikuyo sifana nokungathi siseBeacon Bay. Nokuba kungathwa akuzukhaliswa mculo xa esaqalayo kodwa xa sele engaphakathi sizakuwuva singqengqe ezibhedini umculo. Soze behle ubuthongo. Umasipala makasihlangulele ngokusikhusela kungavulwa sikroxo.”

Aba bahlali bathi bazenzile iinzame basa uxwebhu lesikhalazo kumasipala iBuffalo City ukuvala eli nyathelo. Kwaye balwenzile nophando kwiqumrhu elijongene nokuthengiswa kotywala (Eastern Cape Liquor Board) ukunqanda oku nalapho bathi basothuswe nakukufumanisa ukuba isicelo salo somashishini asikangeni kweli qumrhu njengoko singekaziwa.

Ngokwengxelo, le ndawo kuvakala ukuba kuza kuvulwa kuyo isikroxo yayiyivenkile ngaphambili eyayikade iyindawo ethengisa utywala, kodwa kungaselelwa nanjengoko umntu wayethenga ayokuselela kwakhe. Le ndawo yavalwa yaze yaba yindawo yokuzilolonga nayo yatshona yavalwa.

Uceba ka Wadi 22 uVeliswa V Sakube, nabathi abahlali unalo ulwazi ngale nyewe, akakhange awubambe umnxeba wakhe wasesinqeni xa I’solezwe belimtsalela.

Abahlali bathi kwindibano yokugqibela ebibanjiwe ngabo bahlali kwakunye nalo somashishini ngomhla wamashumi amabini anesithathu kwiveki ephelileyo, ayikhange ide ibe iyaqhubeka kuba besithi le ndoda ibize neembuso ezintsha abangazaziyo kwiwadi yabo ekucaca ukuba ngoogxa bakhe abefuna bamxhase kwilinge lakhe.

Lo somashishini ngokuva ngabahlali ungumsebenzi kwindawo yeenqwelo zeenkonzo ezingxamisekileyo uEMS kwaseMonti.