‘Asinavalo lokuya eOrlando Stadium’

IRally yeANC uSiyanqoba kumabala Buffalo City eMonti phambi kolonyulo loo masipala.Umfanekiso: Michael Pinyana

UMBUTHO iANC eMpuma Koloni uzakuthumela iibhasi zamalungu alo mbutho ukuya kubayinxalenye nomsitho wokubhiyozelwa kweminyaka elikhulu elinesihlanu (105) eOrlando Stadium eSoweto ngeCawe.

Intetho ethe qabavu kulo msitho, owaziwa njenge-January 8 Statement, izakube isenziwa nguMongameli Jacob Zuma.

UNobhala weANC kweli phondo uOscar Mabuyane uthi ingingqi nganye yeANC eMpuma Koloni, kwezo zisibhozo, izakukhupha ibhasi enye ukuya kwezimbini. “Umsitho ngamnye we-January 8 Statement ubanomyalezo wonyaka. Silindele uMongameli asinike lo myalezo. Asinavalo tu lokuya eOrlando Stadium,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi lo mbutho ugagene neengxaki ku-2016. “Enye yazo yile yokuchasela kweANC kumalungu ayo. Siza kuyilungisa lo nto. Siwubonile umcelimngeni wokubamba iindibano (BGM) edolophini abe amalungu ethu esezilokishini nasezilalini,” utshilo uMabuyane. Unyaka ka-2017 ngunyaka obalulekileyo kwiANC nanjengoko ngenyanga yoMnga kuza kubanjwa inkomfa yokonyula iinkokeli ezintsha zikazwelonke. Le nkomfa kazwelonke izakuhlakulelwa yeyephondo laseMpuma Koloni embindini wonyaka, apho kuza kuthi konyulwe iinkokeli ezintsha zephondo.

UMabuyane uthi umbhiyozo weJanuary 8 wephondo uzakubanjelwa eMthatha ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga.