Asizi, kutsho iphondo kuAngie

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane noMphathiswa wezeMfundo ePhondweni uFundile Gade

Urhulumente waseMpuma Koloni ubhalele kwiSebe lezeMfundo kuZwelonke, okhokelwa nguAngie Motshekga, esithi akahambisani nesigqibo sokuvulwa kwakhona kwamanye amabanga kwiveki ezayo.

IMpuma Koloni ithi ifuna kufunde kuphela uGrade 12, ze amanye amabanga abuyele esikolweni kwinyanga yeThupha.

Esi siphakamiso kulindeleke ukuba sixovulwe kwindibano yezangxa zezemfundo namhlanje, utshilo uFundile Gade onguMphathiswa wezeMfundo ePhondweni.

NgoLwesibini kule veki, kwindibano noonondaba eBhisho, urhulumente wephondo uvakalise ukuba izikolo ezivale ngenxa yentsholongwane yeKhorona ephondweni zingamakhulu amabini.

Ootitshala ababhubhe ngenxa yale ntsholongwane basibhozo ukusukela oko zivuliwe kwakhona izikolo kweyeSilimela. Kukho nabasebenzi becandelo lezemfundo abane kwanabafundi abathathu abathe balandulela eli ngenxa yale ntsholongwane, utshilo uGade.

“Sinendibano eza kuhlala namhlanje (ngoLwesine) ukuxoxa ngokubuyiselwa kwamanye amabanga esikolweni. Imbono yethu kukuba asinakuzifanisa namanye amaphondo. Xa unemingeni yeengxaki esinazo kwezemfundo, apho kufuneka imigqaliselo yokukhusela iKhorona, akukho lula ukulandela imiqathango yokukhusela intsholongwane yeKhorona.

“Sisenzile isiphakamiso kurhulumente kazwelonke, sokuba amanye wamabanga wethu angathabathi nxaxheba xa kuvulwa izikolo ngomhla wesithandathu kweyeKhala. Ingxaki esinayo kukuba ngoku sizibona sijongene nokulawula intsholongwane yeKhorona endaweni yokufundisa abantwana,” utshilo uGade.

“Into ebalulekileyo kukuba intsholongwane yeKhorona iyanwenwa ezikolweni. Isehlo saseMakaula Senior Secondary, senza ukuba senze isimbonono. Ukuba asenzi njalo singabona inani labosulelekayo nababhubhayo ngenxa yale ntsholongwane lisonyuka.

“Imeko esikuyo isinyanzela ukuba sibe kanti sifunda isifundo, ukuze singabizizigqubu zentsholongwane yeKhorona. Kukho imeko emandla yokuba isebe lezeMfundo nalo lidlale indima ekukhuseleni abafundi, abasebenzi nootitshala kule ntsholongwane,” kutsho uGade.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uthi isigqibo sokuvulwa kwakhona kwezikolo siza kubangela iingxaki.

“Le meko yezikolo, sisigqibo endicinga into yokokuba sisixakekisa kakhulu. Ukuvula izikolo xa intsholongwane yeKhorona iqala ukuya enkcochoyini, ikhona ingxaki nalo nto.

“Ewe ke urhulumente (kazwelonke nowamaphondo) mnye, kodwa senza isimbonono ukuba amaphondo akanakufana. IMpuma Koloni ineengxaki zezakhiwo ezingekho semgangathweni. Lo nto ayenziwanga yiCovid-19.

“Yiyo le nto sineenkqubo ezifana neASIDI (Accelerated School Infrastructure Delivery Initiative) kwaneNHI (National Health Insurance) kuba sifuna ukuqubisana nale ngxaki,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane ukwalumkise ngelithi ngoku lixesha lovuthondaba kwintsholongwane yeKhorona.

“Bantu bakuthi, ngoku sifika kwixesha elinzima apho sisondele kwinkcochoyi yale ntsholongwane. Eli lixesha apho amanani okosuleleka kwabantu azokwanda khona, apho abanye kungenzeka basishiye kulo mhlaba. Oku singakunqanda ngokunciphisa ukosuleleka yile ntsholongwane.”

UMlawuli-Jikelele weSebe lezeMfundo kuZwelonke, uMathanzima Mweli, uthi izikolo nabazali kufuneka zisebenzisane ukuqinisekisa ukuba akukho mntwana ushiyekayo kwizifundo.

Isebe leMfundo esiSiseko lithi abazali abanganqweneli kusa bantwana ezikolweni bangabhalisa kwisebe phantsi kwenkqubo iHome Education.

UMweli uxelele amalungu ePalamente kule veki ukuba ngoMvulo kulindeleke ukuba kubuyele esikolweni uGrade R, 1, 2, 3, 6, 10, 11. “Sinazo izicwangciso ezimiselweyo xa kunokunyuka amanani wabosuleleke yintsholongwane yeKhorona,” utshilo uMweli.

Imanyano yootitshala iSadtu eMpuma Koloni kudala imemelela kurhulumente wephondo ukuba mazivalwe izikolo kuba isithi ootitshala nabantwana basemngciphekweni omandla .