‘Asothukanga zezi ziphumo’

EKAPA: UDE wabe uyehliswa uPatricia de Lille njengoSodolophu waseKapa ngumbutho weDA ngoLwesithathu emva kokuba ooceba abangama97 bevotele ukuba makathotywe esikhundleni ngelixa abangama41 bemxhasile.

Kungokunje unikwe ithuba de kube ngoLwesibini ukuba afake izizathu zokuba kutheni kufuneka abuyiselwe esikhundleni sakhe.

Ibilityeli lesibini kulo nyaka kuvotelwa ukwehliswa kwakhe. Wasindiswa yivoti enye kuphela apho wancedwa yiANC kweyoMdumba ngelixa ooceba abangama109 bavotela ukuba makathotywe, baze abangama110 bamxhasa. NgoLwesithathu, kuvote amalungu eDA kuphela.

UDe Lille uthe kwisibhengezo sakhe: “Uninzi looceba beDA bavotele ukungathembeki kwam. Le voti isuka kwiinkalo ezininzi, nkalo ezo endiziphikisayo, ndade ndacela ooceba ukuba beze nobungqina bokuba ndiyophule phi na imithetho nanjengoko besitsho.”

Uthe ooceba abakwazanga ukuveza ubungqina atyholwa ngabo obuquka, ukophula umthetho wokuziphatha kooceba, umgaqosiseko weDA, nokophula imiqathango yokurhoxiswa kwakhe.

IDA ityhola lo kaDe Lille  ngokungenelela ekonyulweni komphathi wesixeko uAchmat Ebrahim ngokuthi anyanzele iqumrhu elonyulayo ukuba limnike amanqaku amaninzi kunawabo babefuna esi sikhundla.

Utyholwa nangokusebenzisa igunya lakhe ekonyulweni kukaLimia Essop kwibhodi elawula ibala lezemidlalo laseKapa, ngokungawenzi kakuhle umsebenzi wakhe njengoSodolophu malunga nokuphazamisa uphando lokusebenza gwenxa kaMelissa Whitehead ongumkhomishinala wezothutho.

Ukwatyholwa nangokuxhaphaza amandla wakhe ngokugrogrisa okanye athuke ooceba abanguvumelaniyo nezigqibo zakhe nokwala ukwamkela isigqibo esisemthethweni ngokungavumi ukusebenzisana noJP Smith emva kokuba wonyulwa njengesekela lebhunga.

“Ndiye ndacela ukuba kuziwe nemizekelo apho ndenze intetho ethoba isidima seDA emva kokuba ndichazile ukuba yonke into endiyithethileyo ndiyithethe emva kokuba iDA indityhola. Ndiyicacisile into yokuba akulunganga ukwehliswa kwesidima nokuthembeka kwam ze ndingazikhuseli,” utshilo uDe Lille.

Uthe ufumene imiyalezo emininzi yenkxaso kubahlali-nto leyo ebonakalisa ukuba ukwehliswa kwakhe esikhundleni kuphenjelelwa ngabantu abathile kwiDA.

Ebuzwa ukuba uza kuthini ngoLwesibini, uDe Lille uthe: “Ndiza kuya kwiqumrhu elilawulayo nanjengoko ndisazi ukuba libakala elilandelayo elo kule nyewe.”

Isekela lebhunga leDA uJP Smith nobonwa njengomgqatswa ophambili kwesi sikhundla sikaDe Lille, uthe iqumrhu elilawulayo liza kuva izizathu zikaDe Lille kuqala.

Uceba weDA nongafunanga ukuchazwa uthe: “Asothukanga ziziphumo zovoto. Bebenenani elininzi abo bachasene nolawulo lwakhe. Ezi ziphumo zibonakalisa umsantsa okhoyo kwiDA. Le nto isibeka ebunzimeni singumbutho ngoba izimvo zebhunga ayizozimvo zabavoti ngoba ooceba abamelanga izimvo zabo. UDe Lille unenkxaso engumangaliso ebahlalini kwaye iyakhula ngakumbi ngoku. Kodwa wona umbutho uyabethakala kakhulu ngulo mbandela kasodolophu.”

michael.nkalane@inl.co.za