Atyikitye izibhambathiso zentsebenziswano amazwe eBRICS

Inkulumbuso yeMpuma Koloni uPumulo Masualle kunye namagosa karhulumente kuquka neendwendwe ezivela kumazwe aphesheya ezizimase indibaniso yeBRICS eICC eMonti-Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Atyikitye izibhambathiso zentsebenziswano amazwe eBRICS emva kwenkomfa entsukumbini ebi banjelwe eMonti, nebi singathwe ngumasipala iBuffalo City.

La mazwe aquka iBrazil, Rashiya, Indiya, China kwakunye neli Mzantsi Afrika – ebe bambe inkomfa ngaphantsi kweSebe leNtsebenziswano kuRhulumento nooMasipala.

USodolophu weBuffalo City, uXola Pakati, obe funda izibhambathiso ekufikelelwe kuzo, uthe la mazwe aza kuqinisa intsebenziswano ngokuthi abelane ngolwazi nangobuchwepheshe ekusombululweni kwemingeni ejongene noomasipala bala mazwe.

Kwimingeni evele kwiintetho ezithe zenziwa kule nkomfa, iquka iingxaki zezothutho ezihlanganisa iidolophu neelali, imfuduko yabantu abasuka ezilalini besiya ezidolophini, iingxaki zothutho ezidolophini.

UPakati uthe la mazwe aza kuqalisa amaphulo okuzilungiselela ukuhlangabezana nemfuduko yabantu besiza ezidolophini.

Njengoko ezi ngxaki ziwagubungele omahlanu la mazwe, izwe ngalinye liza kwabelana namanye ngendlela eliwulwa ngawo loo mcelimngeni.

Ezinye zezinto ezichazwe njengesisombululo luphuhliso eliqinisekisa ukuba wonke ubani uyaxhamla.

La mazwe akwadize ukuba aza kuvelisa iindlela zokuhlangabezana nezinto ezinobungozi ezifana nokuxinana kwiindawo ezihlala abantu nokwenza kube nzima ukulwa nokuqhambuka komlilo kwakunye nezifo ezosulelayo.

“Sifuna ukubona inkqubelaphambili kuphuhliso lwentlalo yoluntu, eqinisekisa ukuba akukho maqela oluntu ashiywa ngasemva ukwenza ukuba izixeko zethu ziquke wonke ubani, zibe nokhuseleko kwaye sizisikele unyaka ka2020 ukujonga ukuba izindululo esivumelene ngazo apha ziyaphunyezwa,” uthethe watsho okaPakati.

Ukwathe la mazwe aza kuhlala eqhuba uthethathethwano ngelizingela izisombululo, kwaye aza kubambisana ukufezekisa iinjongo zawo zokuqinisekisa ukuba uqoqosho kwizixeko zala mazwe liyakhula, livula amathuba emisebenzi nawoshishino kwabo bafudukela ezidolophini.

UPakati uthe izindululo zeBRICS ziza kunceda namanye amazwe angeyonxalenye kule manyano kuba intsebenziswano yala mazwe ayiphelelanga nje kuwo odwa.

Le ntsebenziswano iquka iindlela zokukrweca abatyalimali kuphuhliso lwezinto ezisisiseko, khonukuze uluntu lube nako ukuxhamla kwiinkonzo ezinikezwa ngurhulumente eluntwini ezifana namanzi, ugutyulo lwelindle, umbane nezinye iinkonzo. Kwezi zindululo kuquka ukungenelela kwemigaqonkqubo ejoliswe kuphuhliso lolutsha ezidolophini.

OkaPakati ukwathe baza kusebenzisana namaziko emfundo ephakamileyo, namaziko aqhuba uphando kwizinto nokutshintsha kwemo yezulu.

Amagosa aphuma koorhulumente bala mazwe nawo angqinile ukuba ngokwenene bazibophelele kwezi zindululo kwaye ziyakuhlala zikhunjulwa njengezindululo ezathethwa eBuffalo City.