Awanathemba amakhosikazi weeNkosi ngokushiywa nguMatanzima

UNosiseko Ngqika olilungu lendlu yeenkosi eBhisho noNosiNtu Mhlawuli we-Imbumba yamakhosikazi akomkhulu (IYA)

Ukushiya kukaNkosi Ngangomhlaba Matanzima njengosihlalo weNdlu yeeNkosi zeMveli eMpuma Koloni sekudale isikhalo kwiinkokeli zamakhosikazi weenkosi kweli phondo.

UNkosi Ngangomhlaba uzibeka phantsi iintambo ngenyanga yoKwindla kulo nyaka.

Usihlalo wombutho wamakhosikazi, Imbumba Yamakhosikazi Akomkhulu kweli phondo (IYA) uNosiNtu Mhlawuli uthi lo kaMatanzima ebeyinto yonke kubo njengeenkokeli zemveli.

“Ebengapheleli nje ukusikhokela kwimicimbi yobukhosi, kodwa ebengena nakwiingxaki zezindlu zethu, esibuza ngeengxaki esidibana nazo emakhayeni ethu imihla ngemihla,” uthethe watsho uMhlawuli.

Uthi bafuna inkokeli ezakukwazi ukumelana nefuthe lezopolitiko. “Sifuna inkokeli apha ekwaziyo ukoyisa ifuthe lezopolitiko, kuba iinkokeli zemveli zisengxakini kule mihla yokukhokela kwethu,” ucacise watsho uMhlawuli.

UMatanzima ukhokele la ndlu ukusukela ngonyaka ka-2002 nathe wangena izihlandlo ezine emva kokuvunyelwa ziNkosi kwiphondo ngokubanzi.

Olilungu le komiti elawulayo kwindlu yeNkosi eMpuma Koloni uNkosikazi Nosiseko Ngqika uyangqina naye ukuba yingxaki ukushiywa kwabo nguMatanzima.

“Sikwingxaki yokuba ngoku sifuna inkokheli ezokwazi ukukhusela isiko nesithethe seenkosi zemveli eMpuma Koloni njengoko ebesenza uNkosi Ngangomhlaba Matanzima,” utsho uNgqika.

Uhambisa athi lo mzukulwana kaRhaxothi ubekwazi ukuxhobisa abancinci nabadala ekhusela ubukhosi. “Ebesisisele senyathi esihlala sixhobisa iNkosi ezincinci nezinkulu ngendlela yokuziphatha kweNkosi emzini wayo nakwisizwe esikhokeleyo,” uthethe watsho uNgqika.

UNkosikazi Ngqika uthi ingahle ingakhuseleki inkcubeko yobukhosi ngaphandle kuka Nkosi Matanzima. “Kungakuhle ukuba zikhona iNkosi ezifundileyo kwindlela ebeqhuba ngayo uNkosi Matanzima, kuba sifuna inkokheli ezi zizo kule mihla,” utshilo.

Eziphendulela koku uMatanzima uthi baninzi abantu abesebenza nabo kula ofisi ukusukela oko wathi wangena kwesi sikhundla, ngoko ke unethemba lokuba bakho abafundileyo kuye.

“Ngaphande nangaphakathi kula ndlu yeenkosi bendikhokele abantu endicinga ukuba noko bafundile kum ukusukela oko sathi sasebenza kunye, ndingadana ukuba abafundanga nto kum,” utsho uMatanzima.

Uthi uwenzile owakhe umsebenzi wokukhokela indlu yeenkosi, kwaye oku ukwenze ngempumelelo kule minyaka elishumi elinesithathu esebenza njengosihlalo wala ndlu. Indlu yeenkosi zemveli yamiselwa ngokomgaqo siseko weli ngeenjongo zokubuyisa nokunika imbeko iinkosi zemveli.

Iinqila zezindlu zeenkosi zemveli kweli phondo zizakutyumba iinkokeli zazo ukuze kamva kutyunjwe iinkokeli ezizakukhokela iphondo, kwanalowo uzakungena endaweni kaMatanzima.