Awuqini umnqwazi ngezicwangciso zeCorona eMpuma Koloni

INkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane, uSomlomo uHelen Sauls-August kunye nomphathiswa weZempilo uSindiswa Gomba umfanekiso: uthunyelwe

Urhulumente weMpuma Koloni kufanele ukuba abambe intlanganiso yebhunga ekhawulezileyo ngelizingela isithintelo sobhubhane wentsholongwane iCoronavirus.

Oku kuthethwe sisithethi sombutho iATM uZama Ntshona emva kwenkomfa noonondaba ebikrwecwe yinkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane, usomlomo webhunga lephondo uHelen Sauls-August kwakunye nomphathiswa wezempilo uSindiswa Gomba.

UNtshona uthi le ntlanganiso kufuneka ivuleleke kumalungu ebhunga kuphela kuba kuba eli bhunga linamalungu angaphantsi kwekhulu. Ukuba akunjalo intlanganiso ingabanjwa ngamagqugula amaqela onke akwazi ukoleka kwizicwangciso ezidizwe yinkulumbuso, uqhube watsho uNtshona.

Uthi into exhalabisa ngamandla kwezizicwangciso zikarhulumente wephondo kukuba azingqalanga ngqo kwimiceli mngeni yeMpuma Koloni.

“Sikwiphondo elisebenzisa kakhulu izithuthi zikawonkewonke, andivanga zicwangciso zibhekiselele kukhuseleko lwabantu abasebenzisa ezi zithuthi. Kumazibuko angena kweli phondo umphathiswa wezempilo [uSindiswa Gomba] uthethe ngamagosa ezendlela, amapolisa namajoni, andimvanga esithi kukho oogqirha abazakuhlola abantu,” utshilo uNtshona.

Ukwathe kukho imimandla ethwaxwa yimbalela, akeva sicwangciso sokwenza ukuba kubekho amanzi okumelana nesiphakamiso sokuhlanjwa kwezandla rhoqo.

Inkulumbuso yephondo uMabuyane uthi kuya kubanzima kakhulu ukunqanda ukunwena kwesifo sentsholongwane iCoronavirus xa sithe sangena kweli phondo.

Uthi iMpuma Koloni yenza konke okusemandleni ukunqanda ukunwena kwesi sifo kweli phondo. Ezi nzame ziquka ukuvalwa kwamazibuko angena eMpuma Koloni, ukuvavanywa kwabo bangena kweli phondo, kwaye nezicwangciso zokugcina kude eluntwini abo bafunyenywe nebentsholongwane yeCorona ziyaqhuba.

Ukuzathi ga ngoku akukabikho mntu ufunyenwe nale tsholongwane kweli phondo, kodwa izibilini ziphezulu. Uvakalise inkxalabo uMabuyane ngelithi eli phondo alikabi nawo umatshini wokuqinisekisa ukuba umntu ungenwe yintsholongwane yesi sifo.

“Okwangoku kuzakusithatha amashumi amane anesibhozo eeyure ukufumanisa ukuba lowo uthe wahlolwa unayo kusini na le ntsholongwane,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi useke ibhunga elizakujongana nesi sifo eliquka umphathiswa wezempilo eMpuma Koloni.

Usomlomo wendlu yowiso-mthetho uSauls-August udize ukunqunyanyiswa kweentetho zohlalo-lwabiwo mali zamasebe karhulumente.

“Siyayazi ukuba amasebe karhulumente aba neendwendwe kuhlahlo-lwabiwo mali kwaye bubalulekile ubukho boluntu kwindlu yowiso-mthetho,” utshilo uSauls-August.

Ukwathe isifundo ngobomi bukaRaymond Mhlaba owayeyinkulumbuso yokuqala kweli phondo sizakunqunyanyiswa.

UGomba uqinisekise ngelithi amaziko ezempilo akulungele ukujongana nabo bafunyenywe ntsholongwane yeCorona.

Ugxininise kumba woluntu wokuzigcina licocekile nokufumana uvavanyo xa uziva ngathi unezompawu zeCorona.

UMabuyane ukwathe iphondo lenza iinzame zokwandisa inani lezibhedlele ezizakujongana nabathe bachatshazelwa kwiingingqi zonke.

Isithethi seDA kweli phondo uNorman Silk uthi lo mbutho usabela ikhwelo lenkokeli yalo uJohn Steenhuisen novakalise inkxaso kwiphulo likaMongameli Ramaphosa.

Eminye imibutho enamalungu kwibhunga leMpuma Koloni iEFF, iUDM neFreedom Front Plus ayifumanekanga ukuba iphefumle.