Ayivumi ukulala esofeni iNjingalwazi

Limiselwe umhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga yoMsintsi ityala leNjingalwazi edla umhlalaphantsi uWandile Kuse emva kokuvela kwiNkundla kaMantyi eMonti.

Le Njingalwazi ijijisana nentombi yayo uKazeka Mashologu Kuse ngezityholo zokuyihlukumeza, nangona ikwidabi lokulwa nesifo somhlaza webele.

Ingxaki ephakathi kwesi sibini ibangele ukuba uNjingalwazi Kuse aphume kwindlu yekhaya eseBeacon Bay eMonti, edinga indawo yokuhlala.

UKazeka uthi uyise wophule umqathango wenkundla ubuqinisekisa ukhuseleko lwakhe ngakuyise.

“Ukhutshwe apha endlwini ngumqathango wenkundla ngenxa yokungakwazi kuziphatha, bendihlala eBhayi, kuhlala yena apha endlwini, ndabuya indlu ikwimeko embi kakhulu, inamatyala akwamasipa, imdaka, imibhobho yamanzi ingasebenzi, abantu abaqeshe apha bekhala ngenxa yendlela engakhuselekanga ebebehlala ngayo,” ucacise watsho uKazeka.

Emva kokwenza iinzame zokucoca indlu ngeenjongo zokuba ibuyele kwimeko entle, kunyanzeleke ukuba kubekho iinguqu kwindlela yokuhlala.

“Sivene ukuba amagumbi endlu onke mawaqeshiswe ngoku sele ndiyilungisile indlu engandincedisanga, wathi yena uza kuya kuhlala eCala eNdwana kokwabo, mna ndahlala kwelinye igumbi kwalapha endlwini,” uthethe watsho uKazeka.

Ingxelo ithi uNjingalwazi Kuse ubuyele ekhayeni engabhungisanga sele onke emagumbi kunikiswe ngawo, wanyanzelisa ukungena kwigumbi lentombi yakhe.

“Mna ndihlala apha endlwini kuba bendidlala indima yokugcina ulawulo kwisakhiwo esi, ufike evela eCala esithi uze nje uza kuphinda ahambe, uze kulungisa ingxaki yeemali zakhe, uthe angalala esofeni akanangxaki, kodwa yonke lo nto uhambe wayijikela, wafuna ukulala ebhedini yam ngenkani, etshaya icuba nangona esazi ukuba sasivene ukuba akumele ukuba atshaye ecaleni kwam ngenxa yengulo yam, iqale apho ingxaki,” utsho uKazeka.

Ngenxa yokunyanzela kwale Njingalwazi ukuba ingene egumbini lentombi yayo, bazibona bejijisana besebenzisa amandla.

“Sajijisana ndimtyhala ukuba aphume egumbini lam, kuba engavumi kulala esofeni, wachopha phezu kwam wandikrwitsha, ndamluma,” utsho uKazeka.

Ingxelo ithi ngaloo mini yangena ngefestile le Njingalwazi nekwanguMfundisi kwinkonzo yamaTshetshi iSt Philips.

“Indlu le yekamama, akanayo inxaxheba utata kule ndlu, bendikulungele ke ukuhlala naye kodwa ngenxa yokungakwazi kuziphatha kwakhe andikwazi, uyandihlukumeza, uyatshaya endiqhumisela kodwa ndigula ngumhlaza webele onokujika ngenxa yecuba ube ngumhlaza weziphunga,” utsho uKazeka.

UNjingalwazi Kuse kwelakhe icala uthi intombi yakhe ikwiphulo lokumkhupha endlwini.

“Emva kwale ngxabano ndinyanzelwe yinkundla ukuba ndiphume endlwini, ngoku ndiyadinga, ndihamba ndihlala ezindlwini zabantu ngokuncedwa yinkonzo yamaTshetshi,” utshilo uNjingalwazi Kuse.

UNjingalwazi Kuse ubhujelwe yinkosikazi yakhe uNjingalwazi Thobeka Mashologu Kuse ngonyaka ka2011 nokwangumama kaKazeka.

“Aziyonyani zonke ezi zityholo zenziwa nguKazeka, uyaziqweba zonke ezi zinto azithethayo, qha akafuni ndihlale endlwini, ufuna ukuqeshisa ngendlu enze imali,” uthethe watsho uKuse.

Ilungu lenkonzo yamaTshetshi elingavumanga negama lalo lithethe lathi. “Thina singenelele emva kokuba sifumanise ukuba ugxothiwe uNjingalwazi, samnika indawo yokuhlala kumakhaya ohlukeneyo kuquka nale ahlala kuyo ngoku,” uthethe oko umkhonzi.