‘Ayonto imnandi ukujongana neengozi ezimasikizi yonk’mihla’

Amagosa ezendlela, ezempilo kwakunye noluntu ngethuba elayite amakhandlela eKati-Kati, becela iindlela ezintle kweli xesha likaxakeka umfanekiso: Uthunyelwe

“Sithi abokuqala ukufika kwindawo enengozi emasikizi, sithi abokuqala ukuqokelela amalungu omzimba wexhoba, ikwasithi nabaye babike nakwiintsapho ngengozi ngamanye amaxesha. Siye siziqinise sizenza abangadandathekanga kodwa kube ngaphakathi kungenjalo.” La ngamazwi kaFumanekile Vimbani oququzelele umthandazo wabasebenzi abasebenza ngokuthwala izigulana.

Lo mthandazo ubanjwe ngamagosa ezendlela ohlukeneyo, amapolisa kwidolophu yaseKati-Kati nabeenkonzo ezingxamisekileyo.

UVimbani uthi sele kulithuba beqhuba noku kwaye bakwenza rhoqo ngeli xesha lokuphela konyaka njengoko ilixesha lobunzima, apho iintsapho ziye ziphulukane nezihlobo zazo ngenxa yeengozi ezindleleni.

Uthi baphila kwiimeko ezinzima kakhulu kuba ngamanye amaxesha kuye kunqabe nezo nkqubo zokolulekwa ngokwasengqondweni nasemphefumlweni.

“Sabona noogxa bam emsebenzini ukuba masibe nexesha lokubamba udlwabevu lomthandazo, silayite amakhandlela ukukhumbula abo sele bedlulile kwaneenjongo zokuba sizomeleze ngenxa yeemeko esiphangela phantsi kwazo. Kodwa ngeemfefe zikaThixo siyakwazi ukuba siphinde sijongane nolunye usuku ngoku kunzima. Siyakwazi ukufika kwindawo yexhwayelo amalungu omzimba omntu ethe saa ngenxa yokudlakazwa yimoto, siqale ngokuqokelela wona siwadibanise.

“Cinga loo masikizi kodwa kuba ingumsebenzi osenza silale sityile neentsana zethu kwaye nobuthandazwe bethu,” utshilo uVimbani.

Uthi kuninzi abajongana nako okunzima kulo msebenzi wabo, uthi akukho suku luye lube ngcono kuba xa umntu ebhubhile akusoze kube mnandi nokuba awumazi na. Uthi ingozi ibuhlungu nokuba yenzeke njani na.

Ubongoze uluntu oluza kuthabatha indlela ngeli xesha lokuphela konyaka ukuba luqaphele ezindleleni.

Esithi unalo ithemba lokuba uThixo uyivile imithandazo yabo ngethuba becelela uluntu.