Babangisana ngesidumbu abosapho

KULINDELEKE ukuba iwise isigwebo inkundla ephakamileyo eBhisho, ngedabi lesidumbu eliphakathi kweentsapho ezimbini.

Usapho lakwaTshula luthi lothuswe kukutsalelwa kwiinkundla zomthetho nguXolani Yaso, obesakuncuma nentombi yabo uThembeka Dikileyo ngelithi ungumyeni wakhe, kwaye nguye ekufanele ukuba uyangcwaba.

Olu sapho luthi, uYaso uzichaza njengomyeni wale ntombi emva kokwazisa olu sapho ngenjongo yokumcela ukuba abengumfazi wakhe ngokusesikweni.

Ingxelo yolu sapho ihambisa ithi, “Umfana wakwaYaso wafika apha ezohlawula isisu, emva kokuba enze nzima uThembeka izihlandlo ezibini, ufike emva kokuba kukho lo wesibini umntwana.”

Le ngxelo iqhuba ithi, “Wafika apha ephethe imali engamawaka asixhenxe eerandi (R7 000), esithi amawaka amabini eerandi kuyo (R2 000) yeyokuvuma isisu, ukuze anyuke nengalo ngamawaka amahlanu (R5 000).

“Samxelela ke ukuba la mawaka mahlanu isiqingatha kuwo sisazimzi, ukuze esinye isiqingatha ibeyimvula mlomo, wemka esithi uzakubuya kuqalwe iingxoxo zelobola.”

Nangona nje olu sapho lwayithatha le R7 000, kodwa luthi, uYaso wayithatha le ntombi ngaphandle kwemvume yalo wayoyenza umfazi, kodwa yaphinda yabuya emva kwexeshana.

UThembeka usutywe kukufa kwingozi yemoto kwiiveki ezimbini ezidlulileyo eTsholomnqa eMonti.

Usapho lakwaTshula luthi, “Besesiwaqalile amalungiselelo omngcwabo ngethuba kufika usapho lakwaYaso ngelicela ukukhululelwa umzimba. Sabaxelela ukuba bayaphazama, abanalungelo lalo mzimba, emva koko sothuswa ziincwadi ezivela emagqwetheni abo bebanga lo mzimba.”

Olu sapho lukwathi ngokwezabo iimbono umfo kaYaso ufuna ukubanga ilifa lale ntombazana, ze lona lushiyeke lunoxanduva lokondla iintsana ezishiyeke zingenanina emva kwengozi ethathe ubomi bakhe.

Igqwetha elimele olu sapho enkundleni uThanduxolo Mabini uthe: “Esikuveze enkundleni kukuba ibingekabi ngumtshato lo, noxa usapho lakwaTshula belisazi ukuba intombi yalo iyacelwa bekungekho nto yenziweyo ngokwemigaqo yomtshato wesiNtu.”

UXolani Yaso akakhange avume ukuphefumla ngalo mba ngethuba simtsalela umnxeba izolo.