Babanjwe bentsintsitheka neebhokhwe kwiAvanza

Amapolisa akuGatyana abambe amadoda amathathu emva kokuwafumana entsintsitheka neebhokhwe ezintlanu bezilayishe kwimoto yohlobo lweToyota Avanza kwilali yaseNkelekethe kuGatyana ngoLwesine.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi amapolisa aye amisa le Avanza, kuba ibingaqondakali. Ngenxa yoku, la madoda abekwe ityala lobusela bemfuyo.

“Ekuyimiseni, amapolisa afumanise ukuba kukho amadoda amathathu kwakunye neebhokhwe ezintlanu. Amapolisa awabuzile la madoda ukuba zisuka phi iibhokhwe ezi, kodwa inkcazelo khange yonelise,” utshilo uManatha.

La madoda aphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesibini ukuya kumashumi kumashumi amahlanu anesine kwaye bekulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi wakuGatyana ngoLwesihlanu.