Babehlekwa ngokufunda ngolwimi lwenkobe

Abathunywa kwindibano yokuphuhlisa iilwimi zaseAfrika ebibanjelwe eSteve Biko Centre eQonce

KUKHE kwakho ixesha apho abafundi abenza izifundo zolwimi lweSesotho bebezifihla kwiYunivesithi yaseFreyistata (UFS) kuba besoyika ukuhlekwa ngabanye abafundi ngenxa yokukhetha ukufunda ngeendlela zokuphuhlisa ulwimi lwabo.

“Babehlekwa ngabanye abafundi, kusithiwa umntu angakhupha imali aze eyunivesithi kanti uzokufunda iSesotho,” kutsho uGqirha Elias Malete wezifundo zeelwimi zaseAfrika eUFS.

“Babesele besoyika nokuziveza phakathi kwabanye abafundi ngenxa yokuhlekwa,” utshilo uMalete.

UMalete ebethetha eSteve Biko Centre eGinsberg eQonce kwiveki ephelileyo apho isebe lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni belibambe ingqungquthela yoluncwadi neelwimi ukubhiyozela usuku lwehlabathi loguqulo-lwimi.

Ababhali neengcaphephe zoluncwadi neelwimi bebeyinxalenye nale ngqungquthela.

UMalete uthi iilwimi zenkobe kweli zikhuselwe ngumgaqo-siseko ngoko ke kuluxanduva laye nawuphi ubani ukuba azikhusele.

“Sinengxaki, abantwana banamhlanje abakwazi ukubhala ngeelwimi zabo zenkobe. Neeyunivesithi ezi sisebenza kuzo, azizithatheli ngqalelo iilwimi zethu zenkobe. Ndiyithetha lo nto ngenxa yokuba iilwimi zethu zenkobe azikho semthethweni kwezi yunivesithi, zezokuncokola nje,” utshilo uMalete.

UMalete ukholelwa ukuba xa abo basemagunyeni bezithetha futhi bebhala ngolwimi lwabo lwenkobe, amathuba okuzithathela ingqalelo ezi lwimi maninzi kakhulu.

Lo mhlohli ukwabuye watywatyusha kuye buqu esithi noko bengabahlohli kuyafuneka ukuba baqinise kumgangatho abahlohla ngawo. “Kukho isikhalo ngomgangatho wabafundi bezifundo zolwimi lweSesotho esibavelisayo. Le nto ithetha ukuba kufuneka sibe ngathi siyaqinisa kwindlela esihlohla ngayo,” utshilo uMalete, ekhuthaza uluntu ukuba luthathele ingqalelo ulwimi lwabo lwenkobe “kuba akekho omnye umntu ozakusenzela lo nto”.