Babelane ngesondo bejongiwe kwindawo yolonwabo

Indawo yolonwabo eyiBuccaneers eMonti Umfanekiso: Siyanda Jantjies

Kungokwenene nangenyaniso, isibini sabelane ngesondo abantu bejongile kwindawo yolonwabo iBuccaneers eMonti ngokuhlwa kwangoMvulo.

Umboniso-shicilelo obonisa eli nyala, ungundaba-mlonyeni kuFacebook nakuTwitter sithetha nje.

Kulo mboniso, esi sibini sibonakala siqala sincamisana kwisitulo esinetafile eneziselo ezinxilisayo. Bathi emva kokuncamisana, babonakale betsiba iziko buqu.

Abantu abebekhona kule ndawo yolonwabo, bavakala benomothuko ongathethekiyo kolu shicilelo. Omnye umntu kolu shicilelo uvakala esithi: “Bendiyibukele kudala le nto, basaphinda nangoku?”

Omnye uvakala enomothuko omkhulu esithi: “Yho! Yho! Yho!”

Umanejala waseBuccaneers, uHarold Goddard, uthi uxelelwe ngomnye wabasebenzi bakhe malunga noku. UGoddard uthi bathe bakuqaphela oku, bayalela esi sibini ukuba siphume siphele kule ndawo yolonwabo. “Bebenxile kakhulu,” utshilo uGoddard.

UGoddard, ongavumanga nongasiphikanga esi sehlo, uthi bayayicaphukela le nto yenzeke kule ndawo. “Ukuba babelane ngesondo, inokuba bekungesaquphe. Asiyonto esiyithethelelayo le, siyayicaphukela kakhulu,” utshilo uGoddard.

UGoddard uthi indawo yabo yindawo ekonwatywa kuyo, edibanisa abantu beendawo ngeendawo phantsi kokhuseleko.