Oonqevu baqhekeze ithala leencwadi laseGcuwa

Ithala leencwadi laseGcuwa

Ithala leencwadi laseGcuwa liqhekeziwe, emva koko oonqevu baphela enyanyeni neekhompyutha ezisixhenxe.

Akukho zingxelo zakuthathwa kweencwadi kolu qhekezo. Oonqevu kuvakala ukuba baqhekeze umnyango ukuze benze lo monakalo.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi kurhaneleka ukuba esi sehlo senzeke ngomhla wamashumi amabini anesine ukuya kumashumi amabini anesixhenxe kwinyanga ephelileyo.

“Umonakalo ubonwe ngomhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yoKwindla. Amapolisa avule ityala loqhekezo kwaye okwangoku asikabambi mntu,” utshilo uManatha.

Isebe lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni lisigxekile esi sehlo. Isithethi sesebe uAndile Nduna uthi oku kufana nokubuyisela umva umsebenzi wesebe wokuqinisekisa ukuba uluntu luxhamla iinkonzo zezemfundo kweli thala.

UNduna uthi eli thala, lizakuvalwa de ibengumhla weshumi kule nyanga ukulungiselela ukuba amapolisa enze iimfanelo zawo zophando.

Ithala leencwadi laseGcuwa belithe gqolo ukungafezekisi iimfuno zoluntu lale ndawo nanjengoko belikhe lavalwa into engaphaya konyaka kwiminyaka emithathu edlulileyo emva kokuba isebe kwakuvakala ukuba alizihlawuli iinkonzo ezifana nombane namanzi.