Babotshelelwe izandla, batshiswa abaqhubi beteksi!

 

 

Amapolisa aseSajonisi aphanda ngetyala lokubulala emva kokuba kubhaqwe amadoda amabini sele ebhubhile eneempawu zokutsha kwaye ebotshelelwe izandla zijonge ngemva ngakwindlela uR61 kufuphi nale dolophu.

 

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Nozuko Handile,  amaxhoba abhaqwe ngumhlali obeyokukhangela iibhokwe zakhe izolo (Mgqibelo) ngorhatya.

 

Oku kwenzeke kwilali yaseMalongwana kwaseSajonisi ngakwindlela uR61.

 

UHandile uthi lo malusi weebhokwe ubaleke wayokubiza amapolisa ewakhombisa umonakalo. Akwazeki nokuba ukubulawa kwala madoda kuyinxalenye yodushe loonoteksi, nanjengoko amapolisa ediza ukuba omnye umfi ngumqhubi weteksi logama omnye ingumncedisi kamqhubi.

 

Amaxhoba la aphakathi kwamashumi amabini anesine kwakunye namashumi amathathu anesibini kwaye babulawe besuka kwidolophu yaseLusikisiki besiya eMthatha.

 

UHandile uthi akukabanjwa mntu unobangela woku awukaziwa kwaye amapolisa asaphanda ngesi sehlo.