Babulawelwa ntoni abasetyhini neentsana?

Ndibolekeni ezondletyana zenu khe ndiphos’ilitye esivivaneni, Ndingumlomo ongathethi buxoki, Ndithi ndakuvul’umlomo kunge ndibhibhidl’amazinyo, Ndakukhamisa bathi ndikhamisa ndityhale, Kodwa izwi lam alityiwa-nja, Ndanditshilo ndathi esi sizwe sifikile kwantshabalala, Ndanditshilo ndathi esi sizwe sifikelele ekupheleni, Kodwa basuka bandihewula, Bandixwaxwa bendibiza ngamagama, Bathi ndinkcenkceshela umoya wezikhova, Ndidala impixano nembambano, Kunjani xa kunje namhlanje?

Andinkcenkcesheli moya wezikhova, Ndingadali ngxabano nagxeke, Ntonje ndifuna isisombululo, Eyona nto siyibulawelwayo yintoni? Esona sizathu senza uba masixhelwe sesiphi? Ingaba yinzondo okanye yintiyo ? Unozala wabo bonke obu butyadidi yintoni? Ayontando kaThixo, ndisola ubuSathana, Sibulawelwa ntoni kodwa isizwe? Satshatyalaliswa yimidlwembe senzeni? Kwaba ngasa kunegqiyazana elixheliweyo, Kwaba ngasa kunemveku ebuleweyo, Sicel’uxolo manene noxa linganifanele elo gama, Sithi taarh’ameva, noko ngoku kwanele, Siyadomboza kubenzi bobubi sithi, Kwanele! kwanele! kwaye kwanele.

Makungabi sesihogweni kweli lizwe, Mawuphele lo mbhodamo kusemnandi, Mawuchithwe lo mtshotsho ingoma ayivakali, Masingabulawelwa unobenani, Sifela eluthandweni nasemalini, Siyangcuthwa sibulawa okwezinja, Ilisikizi into yokungcuthwa komntu ngumntu, Linyumnyezi into yokubulawa komntu ngumntu, Ihambisa umzimba into yokukrolonqwa komntu ngumntu , Uthando lwayaphi ebantwini? Kutheni sakwaSathana apho inja idla enye? Hayibo sithi “hanewu” kwanele ngoku.

Uxolo alukho kulo mhlaba, Kunempixwano inzondo,inkohlakalo nentiyo, Umona nekratshi zidlangile, Ubugebenga, uburhalarhume nabo buya ngokwanda, Umthetho ulala ngengub’enye nezikrelemnqa, Sowumkhulu lo umonakalo sewenzekile, Isidima sebhinqa masibuyele ebhinqeni, Isidima sendoda sibuyele endodeni, Umthetho nawo mawungafadalalali, Kungenjalo sakuyilungisa lento ngaphandle kwebhokhwe, Izidlwengu nababulali mabenzelwe isiko noba kungentuku, Zesikufumane ukuphumla kulo mhlaba.

Sikhumbul’emandulo , Apho ibhinqa lalihlonitshwa kwaye lihlonelwa, Sikhumbul’emandulo apho ibhinqa belixatyisiwe , Sikhumbul’emandulo apho ibhinqa lalinesidima nesithozela, Sikhumbul’emva phaya, Ngexesha ibhinqa lalikokoswa liphathwa okweqanda, Lingaxhixhinjiswa ngamaxhwangusha ngokungenalusini, Kungaxhwilwa kuxhwithwe intsana zethu, Imveku yayinikwa uthando nobubele,

Yonke lo nto sekuyimbali namhlanje. Sigutyungelwe luloyiko, Songanyelwa ngumothuko, Ukonwaba akusekho, kusale ukungcungcutheka, Le yinto ebonakalayo neqondakalayo, Ichaphazela phantse wonk’umntu nangona ngokuqhelekileyo oku kungaphawulwa. Yintoni le ibangela olu loyiko? Siziva singakhuselekanga kweli lizwe, Kutheni abantwana bethu bengakhuselekanga? Sihleli nengonyama ugonyamelo luyanwenwa, Ndandithi zincukuthu zodwa eziphila ngegazi, Ndandithetha ukungazi nokungaqondi, Siphila namazim namaxhalanga, into ezithi zihlelinje zibe zinengcwangu, Sihleli nokrebe int’ezihleli nje zinukelwa ligazi, Igazi lo mntu obhinqileyo liyathetha, Igazi lemveku linomvuka, Yanga igazi elixhaphe izandla zombulali lingangamniki ukuphumla, De kufike isisombululo kule nyewe, Wayeken’amabhinqa azonwabele neentsana zawo.