Babuyele esikolweni abafundi ababhuqwe ngamasi

Isebe lezeMfundo kweli phondo lidize ukuba babuyele bonke esikolweni ngoLwesibini abafundi abayi-120 besikolo iKamvalesizwe Primary eseKenton-on-Sea ngaseCawa, abebengeniswe kwisibhedlele iPort Afred ngoMvulo kule veki emva kokuba beqalise ukubonisa iimpawu zokugabha kwanokulunywa sisisu.

Oku kwenzeke ngexesha labo lesidlo sasemini kukutya abakutya rhoqo kwesikolo.

Isithethi sezeMfundo ephondweni uMali Mtima uthi ngokwenkcaza abayifumene esikolweni emva kwezi ngxelo zabafundi abangeniswe esibhedlele, isikolo sithenge amasi ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo nasetyenziswe ngoMvulo kule veki.

“Kuphando sifumanise ukuba isikolo sithenge amasi ngoLwesihlanu ze ashiywa kwisikhenkcezisi nekubonakala ukuba asinawo amandla okugcina ukubanda. Oko kwabangela ukuba amasi amoshakale ngempelaveki ebangelwa bubushushu belanga. Abazali abakhange bawaqaphele la masi kuba bengakhange balindele ukuba sele onakele njengoko ebekwisikhenkcezisi,” utshilo uMtima.

UMtima uthi abantwana ebebesesibhedlele babuye kwangoMvulo khange balaliswe, banikwa izinto zokunqanda isisu. Uthi ibiyimbinana nje yabafundi ebiphindele esibhedlele ngoLwesibini kodwa nayo khange ilaliswe yabuya.

Isebe lithi amagosa alo yonke le veki ebeseKamvalesizwe Primary ngeliyokuqinisekisa ukuba abantwana bakhuselekile kwaye akukho mntwana ushiyeka ngasemva ekuncedakaleni.