Baceba ubhazabhaza ngamagxa abo

ULUTSHA lwaseNgonyama eDutywa luceba ubhazabhaza wevenkile yemifuno oluyilima ngamagxa walo kumasimi abefudula elele, kwaye bathi impumelelo ayinakuba nzima nanjengoko sele beyibonile imingeni yolu shishino ukusukela oko beqalile ngo2009.

Olu lutsha luzibiza iLaphumilanga Agriculture Cooperative. Bahlanu ababhaliswe kule ndibanisela kodwa xa kusetyenzwa baqasha abantu abaphaya kumashumi amahlanu. Balima ikhaphetshu, isipinatshi, ibhathanathi, izambana kwakunye nombona. Ngonyaka benza ingeniso ephaya kuR285 000.

Kuyasetyenzwa akudlalwa, utshilo uLuntu Menese ongusihlalo weLaphumilanga, kuba kuhlakulwa ngamagaba.

“Silima amasimi akwiihekthare ezikwishumi elinesibhozo kwaye imarike sinayo. Sinesivumelwano neevenkile zaseDutywa ezifana noSuperspar, Spar, Boxer, EMpumalanga noNgumbela. Sikwanaso isivumelwano noBoxer wakuGatyana nakuCentane.

“Into esincedileyo kukulima imifuno esemgangathweni. Kulapho sikwazileyo ukuthengiseka ebantwini,” utshilo uMenese ebalisela I’solezwe lesiXhosa eNgonyama, ngethuba iLaphumilanga ibindwendwelwe ngurhulumente wephondo.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane kwakunye namagosa akhe bebezokunikeza itrakhi entsha kraca kolu lutsha kuquka netshekhi yeR2.1 million ukuze luqhubeke lusebenza.

UMenese uthi into eyabangela ukuba baqale iLaphumilanga yayikukungafumani imisebenzi.

“Sabona ukuba masiqale ukulima. Saqala ngokulima iigadi. Ekuhambeni kwethuba sabona ukuba iigadi zincinci, saya kumasimi aleleyo, safika salima emva kokuthetha nenkosi. Siphinde sathenga amanye amasimi kubahlali kuba imfuno yemifuno yethu iya ikhula,” kutsho uMenese.

UMenese uthi balufumene uqeqesho eTARDI (Tsolo Agriculture and Rural Development Institute) ngokweendlela zokulima imifuno.

UMabuyane uthi uncedo abalufake kwiLaphumilanga lujolise ekwakheni nasekuvuseleleni uqoqosho.

“Abantu abaninzi baphulukene nemisebenzi ngenxa yeCovid-19, bhubhane lowo ofike uqoqosho lwethu lusegedukeni. Urhulumente ngoku kufuneka egxile kwizinto eziza kusinceda ukuvuselela ezoqoqosho.

“Ndithi kuye nabani na umntu omtsha onesakhono kwezolimo, onomhlaba, makavuke acinge ukuba angenza ntoni ngala mhlaba, ukuze thina singurhulumente simncedise. Into esiza kuyenza nzima apha kwezolimo yile nto yokuxhomekeka kwiithenda. Abantu bafumana iithenda emva koko bangenzi nto. Sifuna abantu abanezakhono nabanomdla kwezolimo, abafana naba baseLaphumilanga,” utshilo uMabuyane.

UMenese uthi ngenxa yokuzimisela kwabo, bacelwe ngomnye wabanini benye yeevenkile abasebenzisana nazo ukuba abathengele ibhanana eMonti, ze abhatale kwiLaphumilanga. “Le trakhi siyinikwe ngurhulumente iza kusinceda kakhulu. Ngaphambili besikade siyisa ngeteletele imifuno edolophini, sisebenzisa kwaneenkomo ukukha amanzi emlanjeni.”

Ekuqaleni kwabo, uMenese uthi umcelimngeni ibingamanzi, kodwa umasipala waseMbhashe ubancedisile wabombela amanzi aphantsi komhlaba.

USodolophu waseMbhashe, uSamkelo Janda, uthi umasipala wabo uncedise ngokwembela olu lutsha iBorehole.

“Bebemane ke ngamanye amaxesha bencediswa ngezithole ukuba babeneqalo kule nto bayenzayo. Enye yezinto esizenzileyo kukudibanisa olu lutsha namasebe anoncedo. Sinovuyo kakhulu yiLaphumilanga kuba ingumzekelo kulutsha lwethu ngenxa yomsebenzi wayo.”

UMenese uthi apho bajonge khona kukwakha ivenkile yeziqhamo nemifuno bathengisele abantu. “Sifuna ivenkile enkulu ebhalwe Laphumilanga.”