Bacela iivoti kumawonga egospile oosaziwayo

UThembelani Nunge ongene iGrabriel Global Gospel awards

UMfundisi, umsasazi, nokwangumkhuthazi woluntu uThembelani Nunge, owaziwa njengoPastor T, ungomnye wabo bathe banethamsanqa lokuchongwa njengomsasazi ogqwesileyo ekusasazeni inkqubo yegospile, uchongwe kumawonga abizwa ngokuba yiGabriel Global Gospel Awards aza kube ebanjelwe eFeather Market Centre eBhayi ngomhla wesibhozo kwinyanga yeSilimela.

IGlobal Gospel Awards ngamawonga apho ancoma, ekwaqaphela lowo okanye abo bathe benza utshintsho oluncomekayo kwiimpilo zoluntu ngokuzinikela ngokuthi banikeze imiyalezo eyakhayo kwaye ephilisayo eluntwini.

UPastor T noyinzalelwane yaseNgqushwa waze wakhulela eBhayi, ungumsasazi kwisikhululo sasekuhlaleni iZwilethemba FM eMonti, apho abhexesha iinkqubo ezikhuthaza uluntu nezikwavuselela ngokomoya emphefumlweni.

“Ukuchongwa kwam kula mawonga ndikuthatha njengokuba sisivuno kum emva kweminyaka ndisebenza nzima kuba ndifuna ukuqaqambisa iphupho lam, phantsi kokusebenza nzima koonomathotholo basekuhlaleni, apho ukhe ufumane okanye ungafumani sepha ekupheleni kwenyanga.

Ngoku ndiva ingathi kufikelele ixesha lokuba ndivune,” utshilo uPastor T.

Xa umvotela uPastor T uthumela umyalezo kanje: Best Gospel Radio Presenter GGGA90 ku33903.

Ukanti nemvumi yomculo wegospile yaseMthatha, nayo nekwakhuthaza uluntu esidlangalaleni, uYongama Mrwetyana, nochongwe njengeBest Male Vocalist, uthi ukuchongwa kwakhe kuyamvuyisa kuba oku kubonakalisa ukuba umculo wakhe uyaqapheleka.

UMrwetyana akukho kokuqala echongwa, sele ingamatyeli echongwa nakumanye amawonga.

Uthi oku kuthetha lukhulu kuye ingakumbi kukhonjwe elakhe igama phakathi kweemvumi ezingaka.

“Ndiyazithoba kuluntu lonke, iicawe kwakunye nabalandeli bam ekubeni bandivotele.

Andisoze ndiyiphumelele le mbasa ngaphandle kwenkxaso yoluntu,” utshilo uMrwetyana.

Le mvumi ikwalindeleke ukuba ikhwele eqongeni yonwabise uluntu kulo msitho wamawonga ichongwe kuwo.

Naye ungathi umnike inkxaso ngokuthi uthumele umyalezo kanje: Yongama Mrwetyana GGGA 26 ku33903, umyalezo uxabisa iR1,50. Iivoti ziyavalwa ngomhla wamashumi amabini kule nyanga.

Enye imvumi yegosipile echongiweyo kulo msitho nguSamkelo Ngqamza kwiBest Gospel Album.

Wenjenje kuye xa uvotela icwecwe lakhe: Samkelo Ngqamza GGGA 59 ku33903. Ungavota kangangoko ufuna.