Bacela inkxaso koosomashishini abe-ANC

UNondyebo weANC eBuffalo City uNcedo Kumbaca ukhwebe oosomashishini ekubeni baqhubeke nokuxhasa iANC, khon’ ukuze lo mbutho uqhubeke neenkqubo zawo zokutshintsha iimpilo zoluntu.

UKumbaca ebethetha eBora Bora eMonti ngoMgqibelo kumsitho wokukhuliswa kwengxowa yeANC kwingingqi iDr WB Rubusana. Lo msitho ubukwajolise ekukhwebeni amanina asematsha ukuba athabathe inxaxheba kwiinkqubo zombutho.

Inkampani yezoshishino iYuanji Occasions ibambisene neBest Bakers ibiyiyo ebikhokela lo msitho. Intloko yomntu ibixabisa iR250 ukungena,kwaye kuye kwabakho nekeyiki yeANC ebikwifandesi (auction). Le keyiki ithengwe ngeR1 350 yitafile yakwaWadi 27 eBuffalo City. Ibilukhuphiswano ukufumana le keyiki, nanjengoko ibiqala kuR500.

Usomashishini osakhasayo uHlumela Qaba, olilungu leANC, uthe: “Sifuna ukwenza utshintsho sibonise iintanga zethu ukuba iipolitiki ayizozabantu abadala, zezethu kwaye silikamva lesi sizwe, ngubani owaziyo mhlawumbi apha phakathi kwethu kukho inina elinokubayinkokheli yeli phondo okanye yesizwe. Ingxaki esiye sayiqaphela kukuba iintanga zethu aziyihoyanga ipolitiki, kuba zisithi kudlalwa ngeengqondo zabantu, kunobuqhophlolo, kuyaliwa kanti oko singakutshintsha ngokunokwethu. Sikwafuna nokubonisa ukuba lo mbutho awunjalo.”

UKumbaca uyincomile into eyenziwe lulutsha lwale ngingqi esithi ukwenza oku akuyonkcitha xesha.

Ukwathe lo mbutho uyakukhula xa zonke iinkalo zisebenzisana.