Bafuna imbuyekezo ngamasimi wabo

UPaseka Masemola ovela kwiDTI ethetha kwindibaniso yabahlali belali iDumalisile kuGatyana. Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Inkosi yamaJingqi uSibongile Dumalisile uxelelwe ngamalungu ePalamente yaseBhisho ukuba indlela yokuphilisana noluntu kukuba aluvumele luthabathe inxaxheba kuphuhliso lwabo, hayi ukubamba ikhuba aphinde aqhube iinkomo.

Le yindlela uNoluthando Gqiba ayibona ngayo ingxaki ejongene nabahlali bakuDumalisile kuJingqi kuGatyana.

UGqiba, ilungu lePalamente eBhisho phantsi kweANC, ebengusihlalo wendibano ebitshisa ibunzi kuJingqi kwiveki ephelileyo, apho abahlali bale ndawo bebexoxa nenkosi yabo kwanamalungu karhulumente ngokumayelana nokutshintshwa kwamasimi abo, asele elele, kwalinywa amandongomane ohlobo lweMacadamia.

Abahlali bakuJingqi babanga ngelithi ikomkhulu lale ndawo lathabatha isigqibo sokutshintsha amasimi alinywe amandongomane ngaphandle kokuthetha nabo.

Bathi amasimi abo, akwiihekthare ezingamakhulu amathathu, abulawa imiviko ze kwalinywa amandongomane phezu kwamangcwaba wabo.

“Le nkosi yathatha amasimi wethu kuba ifuna ukutya imali ngathi. Ngumhlaba wethu lo nokuba sele alala amasimi. Into esiyifunayo yimali le bayifumana ngenxa yale projekthi yamandongomane,” utshilo umhlali wakuJingqi onentsimi elinywe amandongomane.

Kwindibano ebitshisa ibunzi kuJingqi kwiveki ephelileyo, uGqiba uxelele indibano ukuba: “Le into ifuna ukulungiswa ngomoya olungileyo, kuba singabantu abamnyama silwa umhlaba kubantu abamhlophe, sifuna ubuyele kubantu abamnyama. Xa kunjalo ke, asikwazi ukulwa kwasodwa.”

“Mna mntwan’ egazi ndibona ukuba kulungile ukuza nophuhliso kubantu bendawo kodwa kubalulekile ukuba uvumele abantu bathabathe inxaxheba. Ungazi nophuhliso uphinde ulukhokele kwawena,” utshilo uGqiba.

Kule ndibano kugqitywe kwelokuba imiviko yabantu ibuyele kundalashe, imbuyekezo yemali ekhoyo ihlawulwe kubanini bamasimi ze amathambo wamangcwaba ekulinywe phezu kwayo agrunjwe ukuze angcwatywe ngesidima.

Isithethi kwanonobhala weJingqi Development Forum uMpumelelo Sipayile, uthi eli linyathelo labo lokuqala lokusombulula le mbambano yokusetyenziswa kwamasimi abo ngaphandle kothethwano.

“Inkosi le yethu ngoku ibisenza le nto ibicinga ukuba akukho mntu uyakuze ayicele mngeni. Sikwenzile ke oko sisebenzisa onke amanqanaba ezomthetho. Okuseleyo ngoku kukujonga ukuba izinto esivumelene ngazo ziyenzeka na,” utshilo uSipayile.

Kule ndibano bekukwakho negosa lesebe lezorhwebo noshishino uPaseka Masemola, ekucaca ukuba lilo eliphumeze imali esele ixhase le projekthi.

Eli gosa kunyanzeleke ukuba lihambe buphuthuphuthu ngenxa yengqumbo yabahlali ngenxa yokuba belithetha apha, lithethe phaya, lingangqalanga. Abahlali bebefuna ukwazi kuMasemola ukuba yimalini abasele beyiphumeze kule projekthi ze yasebenza njani.

Kule ndibano uDumalisile uvakalise ukuba wayibiza imbizo komkhulu wabaxelela abantu ngale projekthi.

UDumalisile uthi isigqibo sokulinywa kwamandongomane sathatyathwa ngo2012, kuvunyelwene noluntu. “Siza kuhlala silikomkhulu sibone ukuza senza njani ukuya phambili,” utshilo uDumalisile.