Bafuna ooceba endaweni ‘yamaphara’

IMAKANA Citizens Front (MCF) ithi phakathi kweminye imiqulu yawo yezithembiso, njengokuba kusiyiwa kulonyulo loomasipala, kukuba abahlali banelungelo lokumkhupha uceba xa engayenzi into abeyithembise abahlali.

Ngomso (22 kweyeDwarha), iMCF iza kube isungula umqulu wayo wezithembiso eSoccer City eMakhanda.

Le ndibanisela isekwe ngabahlali abathi bafuna iinkonzo ngendlela egqibeleleyo kulo masipala. Kwiiwadi zaseMakana ezilishumi elinesine, iMCF iza kungenela kwezilishumi elinesithathu.

Makana Citizens Forum

Usihlalo wekomiti yezolawulo yethutyana kwiMCF, uLungile Mxube, uthi lo mbutho wasekwa emva kokuphoxeka kwabahlali yindlela awasabela ngayo urhulumente wephondo kwiingxaki ezombethe le ndawo.

UMxube uthi endaweni yokuba imali yomasipala waseMakana isetyenziselwe ukuphuhlisa uluntu, le mali yasetyenziselwa iinjongo ezingezizo.

“La masela namaphara akwamasipala athatha imali ekufanele ukuba iya kwezophuhliso, emva koko ayisebenzisela ukwanelisa iziqu zawo. Abahlali noonoteksi baphakama besithi bafuna iinkonzo.

“Iindlela zaseMakana zinemingxunya, abantu balala nelindle endlini, abantu basela amanzi anelindle. Siphethwe okweehagu, amalungelo kudala anyhashwa ngulo masipala,” utshilo uMxube, encokolela I’solezwe lesiXhosa.

UMxube uthi iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane wathi uza kuphendula kwizikhalazo zabo.

“Samxelela ukuba makeze kuthi eMakana azokumamela izikhalazo. Akazange ayenze lo nto, endaweni yoko wathumela abaphathiswa bakhe abathathu. Sathenjiswa ngengxelo esabela kwizikhalazo zethu ngaba baphathiswa kodwa ngomhla wentlanganiso safihlelwa lo ndibano.

“Kulapho ke abahlali bathi bagqiba ngelokuba kudityanwe (ngomhla weshumi elinesithandathu kweyeSilimela) eSoccer City, nalapho abahlali baye bathatha isigqibo sokuba badikiwe ngabezopolitiko. Kulapho izelwe khona ke iMakana Citizens Front.”

UMxube uthi sele bezazi ezona ndawo baza kugxila kuzo xa benokufumana ithuba lokungena kulawulo lweewadi abazigqatsele kuzo.

“Umzekelo phaya edolophini abahlali babalule ukungabikho konxibelelwano phakathi kumasipala nabahlali, ingakumbi xa kuza kucinywa umbane okanye kuqhawulwe amanzi. Abanye abahlali bakhala ngeendlela, ugutyulo lwelindle, amanzi, ukungaphangeli kwakunye norhwaphilizo.”

Kwimpendulo yangenyanga yeSilimela, iSebe leNtsebenziswano kuRhulumento kwakunye neMicimbi yeMveli, elikhokelwa nguXolile Nqatha, lathi iingxaki zaseMakana zicalulwe zantlantlombini – ezinokusonjululwa ngexesha elifutshane nezo zinokusonjululwa ngexesha elide.

“Ezexesha elifutshane ziquka ukwakhiwa kwenkqubo yelindle, ukungcitywa kwemingxunya ezindleleni, ukulungiswa kwezibane ezitalatweni, ukulungiswa kweengxaki zokuqhawuka kwamanzi, ukulungiswa kwezindlu zangasese erenkini logama iingxaki zexesha elide ziquka ukulungiswa kweziseko zikamasipala kwanombandela womxakatho wamadama wamanzi,” yatsho ingxelo yesebe.