Bafunwa i-R50 000 ukuze babenombane

UThabo Roloma ekhayeni lakhe elingenambane nendlu yangasese kwa-NU 3 eMdantsane IMIFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Yimali engaphaya kwe-R50 000 ekufuneka ihlawulwe lusapho lakwaRoloma kwa-NU 3 eMdantsane phambi kokuba libe kanti linikwa umbane kwakhona ngumasipala.

Olu sapho luthi sele ingunyaka weshumi elinesine lungasebenzisi mbane kwikhaya lalo ngenxa yomntu owayengxungxe kweli khaya, kanti lonke eli xesha usebenzisa umbane womgunyathi.

Oku kwenzeke ngethuba olu sapho beliseNtshona Koloni, lushiya indlu yalo mntwini uthile.

UZoleka Roloma (36) uthi yiminyaka imxhela into yokuhambe engcuchalaza eshiya ikhaya lakhe kuba kungekho mbane kwaye nemeko yekhaya lakhe ingentlanga.

“Wasimosha kakhulu umntu owayehlala apha yade yangathi kukwakhe kuba nguye owasimoshela ibhokisi yombane ngokusebenzisa umbane otswetyiweyo emva koko akubona ukuba wonakalisile wemka eshiya kunjalo.

“Ndizamile ukuya kumasipala wasincedisa sayifumana ibhokisi entsha kodwa xa sijongelwa ezincwadini kwafumaniseka ukuba phambi kokuba sibe sifakelwa omnye umbane kufuneka siqale sibhatale ityala elingapha kweR50 000 lombane esilityala umasipala,” utshilo uZoleka.

UZoleka uthi kufumaniseke ukuba iileta kudala ziphuma koko umhlali angazihoyi, laye ityala nalo lisonyuka,” kutsho uZoleka.

UThabo Roloma (28) osahlala kule meko, uthi bunzima ubomi kokwabo.

“Ngekungcono ukuba besinomzali okanye kukho umntu ophangelayo kuba asithathi ntweni sonke, nobhuti lo uphangela endleleni akanakuze afike ekubhataleni la mawaka angaka,” kutsho uThabo.

UZoleka sele ehlala kwityotyombe elikwamakhelwane, uthi wemka kowabo ngenxa yeemeko zentsokolo.

Uthi akanokwazi ukukhulisela abantwana bakhe ababini phantsi kwekhandlela kuba kungatsha.

Olu sapho lubongoza onokuthi ancedisane nabo ngemeko le. Ludiza ukuba uceba wabo bambikela ngale nyewe wathi akukho nto anokuyenza naye.

Nangona kunjalo, uceba kuthwa wamfaka emsebenzini omnye umfana wolu sapho ngeenjongo zokuncedisana nemeko yekhaya nangona kusenzima.